AmaGhana ayifumene ebunzimeni kwi-Uganda

Igowuli
elifakwe nguDede Ayew kwisiqingatha sokuqala iphumelele ngalo iGhana emva
komdlalo we-2017 Afcon kaGroup D ebethe kuwo i-Uganda ngo’1-0 ngokushwa
namhlanje. Njengoko bekulindelekile, umdlalo ulawulwe yiGhana, ngakumbi
kwisiqingatha sokuqala – apho bekubonakala nyhani ukuba i-Uganda iyasokola
ukumelana neeBlacks Stars ngamaxesha athile. Ilizwe likaDenis Onyango liye
lakhula ngokwasemdlalweni nangona liye labethwaxwa ziimpazamo elizenzileyo kulo
mdlalo.

 Kwisigaba sesibini
salo mdlalo izinto ziye zatshintsha kancinci, abadlali be-Uganda basidlale
kakuhle kakhulu. Bakwazile ukuyivala iGhana ebidlokova kwisiqingatha sokuqala. Into
nje ekubonakele iyingxaki kukungabinaalo ulwamvila phaya phambi, lo nto yenze
kwanzima ngakumbi ukusetyenziswa kwamathuba ngabadlali bayo i-Uganda. 

Nangoba i-Uganda
inabo abadlali abadlala ngaphandle kwelizwe labo – kodwa abanawo amava
afunekayo kwitumente efana ne-Afcon. Ukudidlala neGhana kwi-Afcon bekuhleli
kuza kubanzima kuyo i-Uganda ngenxa yamava wayo nabadlali enabo abadlala
emazweni aseYurophu.