Amaglug-glug athe chu kakuhle endleleni eya kwi-Afcon!

Tebogo Mokoena of South Africa celebrates goal with teammates during the 2019 CAF Olympic Qualifier match between South Africa and Angola at Bidvest Milpark Stadium, Johannesburg on 26 March 2019 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Onke
amaqela esizwe ebhola ekhatywayo oMzantsi Afrika aqhuba kakuhle. Kwiveki
ephelileyo, iqela lesizwe elidala [aBafana Bafana] libethe iLibya ngo’2-1
emdlalweni obuseTunisia latsho lafumana ilungelo lokudlala kwi-2019 Afcon. Nawo
Amaglug-glug azeke emzekweni; athe chu kakuhle endleleni eya kwi-Afcon. Iqela
likaDavid Notoane, iSA Under-23, livuthulule ilizwe lase-Angola ngamagowuli
amathathu eqandeni (3-0) emdlalweni obuseBidvest Stadium ngoLwesibini obusuku
kule veki. Kanti kwiveki ephelileyo, uMzantsi Afrika uyibethele kowayo i-Angola
ngamagowuli amathathu kwelinye (3-1).

Amagowuli
emdlalweni obuseBidvest Stadium afakwe nguJamie Webber noTeboho Mokoena
beSuperSport United – laze elokugqibela lafakwa nguLuther Singh odlalela iqela
laseYurophu. UMzantsi Afrika uqhube kakuhle emidlalweni yawo yokuqala kulo
nyaka emva kokuba uDavid Notoane ethathe nabadlali abadlalela iqela lesizwe elidala.
Ngoku uMzantsi Afrika ujonge ukudlala omnye umdlalo phambi kokuba ufumane
ithuba lokuya kwindebe ye-Afrika edlalwa ngabadlali abangaphantsi kwamashumi
amabini anesithathu.