Amagqabantshintshi ezemidlalo

Emva kokuba iSouthern Kings neCheetahs ziguzulwe kwiSuper Rugby, ngoku zizakudlala kwi-European Pro14.

Amaqela amane adlala kule European Pro14 asuka eWales, amanye amane asuka e-Ireland, amabini asuka eScotland ibe ngamabini asuka eMzantsi Afrika azakuqala kwisizini ezayo.

Emva kokuphulukana nabadlali abaphambili ekupheleni kwesizini, iKings kufuneka zigxagxamise zikhangele abadlali abazakuvala ezo zithuba kwangoko.

“IKings isokoliswe zizinto ezininzi kutshanje – kodwa eli lithuba elihle lokubuyisela isidima sethu kumbhoxo waseMzantsi Afrika,” utshilo * -Andre Rademan – umongameli we-Eastern Province Rugby Union.