Amagqabantshintshi ezemidlalo

Amagqala kwibhola ekhatywayo, uSiyabonga Nomvethe noMabhudi Khenyeza, babuyela kwiPSL kwisizini ezayo.

La makhwahla atyikitye izivumelwano zengqesho eziqinisekisa oko kwiqela laseKZN – AmaZulu.

Usuthu ubuyela phezulu emva kokuthenga leThanda Royal Zulu ebizakudlala kwaPSL.

UNomvethe noKhenyeza ngabadlali abachithe isizini yonke edlulileyo bedlala kwinqanaba elingasesanzi. Amava wabo kulindeleke kuncede kakhulu

AmaZulu afumene inyhweba yokubuyela kwinqaba eliphezulu.