Amagqabantshintshi ezemidlalo

Ngabadlali abasemgangathweni ophezulu ababhengezwe liqela laKwaZulu Natal, AmaZulu – ekuqaleni kwale veki.

Abadlali abatsha nguMoeneeb Josephs osuka kwiBidvest Wits, uMarc van Heerden osuka kwiOrlando Pirates, uNhlanhla Vilakazi osuka kwiFree State Stars noEmiliano Tade osuka eArgentina.

AmaZulu avale isizini kwindawo entle abuyele enkampini – apho alungiselela khona isiqalo sesizini entsha.

“Samkela abadlali bethu emva kweholide yeeveki ezisixhenxe. Sikwanabo nabadlali abatsha. Senza izinto ngendlela eyahlukileyo ngoku njengokuba sizama ukuphakamisa igama leqela lethu kwisizini entsha. Izinto zisahamba ngokwendlela ,” utshilo uCavin Johnson.