Amagqabantshintshi ezemidlalo

URoger Sikhakhane obeqeqesha iRoyal Eagles uza kubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela ngoMgqibelo kwiphondo laKwaZulu-Natal.

USikhakhane usutywe kukufa kwiveki ephelileyo emva kokuthiwa mbende kukugula ithuba elidana.

Njengokuba ebeqeqesha kwaNational First Division, ebekhe wangumqeqeshi kwiChippa United kwiminyaka egqithileyo – apho wazibalula ngebhola entle kakhulu.

“Sizifumene iindaba zokuhamba kwakhe emhlabeni. Ebesesibhedlele eMpangeni. Kubi kakhulu kuthi ngoba ebengumntu ofuna ukwenza izinto ezibonakalayo. Sisebenzisene naye kakuhle; andazi ukuba mandithini – ndothukile,” utshilo umphathi weRoyal, uJames Dlamini.