Amagqabantshintshi ezemidlalo

Indadi yelizwe loMzantsi Afrika egqugqisayo kwihlabathi, uChad le Clos, uzenzele igama kwakhona kwiveki ephelileyo ngokuphumelela iimbasa zehlabathi ezintathu.

ULe Clos ufumene iigolide ezimbini neyesilivere kwiSwimming World Cup Series ebibanjelwe eSingapore.

“Le indebe yehlabathi ibigqwesile kunezinye; anditsho kuba ndizuze intshinga – nditsho kuba wonke umntu ufumene ithuba lokuthatha inxaxheba. Lo unyaka ubumhle kum kwaye ndilangazelela imidlalo yeCommonwealth ekunyaka ozayo. Ndizimisele ukuqala kwangoku ukuyilungiselela,” utshilo uLe Clos.