Amagqabantshintshi ezemidlalo

Kulindeleke anxibe isikipa seBucs obefudula engumdlali weKaizer Chiefs.

Umdlali wasesiswini, uHendrick Ekstein, kuthiwa uya kwiPirates emva kokulahlwa yiChiefs phambi kokuvalwa kwesizini ephelileyo.

Kuke kwakho ukungavani phakathi kukaHendrick neChiefs ngenxa yemali ebekuthiwa uyayifuna phambi kokutyikitya isivumelwano esitsha kodwa ekugqibeleni wakhululwa emva kokuvakala kweengxelo ezithi uya kwiPirates.