Amagqala wePirates aphawula ngokunyuselwa kukaRhulani Mokwena

East London-190821-uBenson Mhlongo no Joseph Makhanya bendwendwele kwiphephandaba Isolezwe lesiXhosa nendebe yeMTN8-Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Amagqala we-Orlando
Pirates, uBenson Mhlongo noJoseph Makhanya, athi akuxhasa ngokupheleleyo
ukunyuselwa kukaRhulani Mokwena abe ngumqeqeshi oyintloko. UMokwena unyuselwe
kwiveki ephelileyo emva kokuhamba kukaMilutin “Micho” Sredojevic, ngoLwesihlanu
ogqithileyo engabhungisanga. Iingxelo zamajelo endaba zithi uMicho ubaleke
kwakuthi gqi isimangalo esingempatho-mbi (isincwaso) ezenziwe emapoliseni linenekazi
eliphangela ehotele ethile. Amagqala wePirates, ajikeleza iMpuma Koloni efundisa
abantwana ibhola nakwakhuthaza abantu ukuba baxhase iMTN 8, athi abaphathi
bePirates nabalandeli mabamxhase ngokupheleleyo uRhulani. UMhlongo noMakhanya
bebetyelele
I’solezwe
lesiXhosa
izolo
eMonti bedlula besiya kwizikolo abaziphe izipho ezisuka kuMTN egameni leMTN 8.

“Njengomntu
obekhe wasebenza noRhulani, ndicinga ukuba ukulungele ukuqeqesha iPirates. Into
endicinga ukuba ifanele kukwenziwa ngabaphathi namalandeli bePirates,
kukumxhasa ngokupheleleyo,” utshilo uMhlongo. “Masilibale ngokwenzeke
eminyakeni emihlanu edlulileyo ngoba akumchaphazeli yena. Makujongwe into
eyenzekayo ngoku. Makanikwe inkxaso, sijonge ke ukuba siza kube sisithini
ekupheleni kwesizini. Makangabethelwa amatyala enziwe ngabanye abantu abaqeqeshe
phambi kwakhe. Wonke umntu unendawo aqala kuyo ukuqeqesha. Abanye baqala
ezindaweni ezincinci – kanti abanye baqala kwezinkulu. Xa kusweleke umntana
weNkosi, akuthiwa akayiyo iNkosi kuba eneminyaka elishumi elinesihlanu. Into ekufanele
siyenze kukumnika inkxaso qha ukuze akwazi ukomelela,” uvale ngaloo mazwi
uMhlongo.

Uqale
kakubi uRhulani kwiveki ephelileyo. IPirates ikhutshwe zibekwa kwiMTN 8 emva
kokubethwa ngegowuli elinye eqandeni (1-0) yiHighlands Park
emdlalweni obuse-Orlando Stadium. Kanti kule veki ngoLwesibini, iPirates
ifumene inqaku elinye emdlalweni we-Absa Premiership ebambene kuwo ngeqanda naMaZulu.
Emva koko, abalandeli abathile bavakalise ukungaxoli nokungamthembi kwabo uRhulani
– kodwa yena uMakhanya uthi makaxhaswe umqeqeshi. “Kudala engumqeqeshu
uRhulani. Umahluko nje ngoku kukuba nguye umqeqeshi oyintloko kwiPirates. Xa
usebholeni kwinqanaba eliphezulu, kufuneka uhlale ukulungele ukusebenza. Sibabonile
abaqeqeshi abancinane abafana nooFrank Lampard no-Ole Gunnar Solskjaer benikwa
amathuba kwi-English Premier Soccer League. Ndicinga ukuba usilungele
isikhundla naye uRhulani,” utshilo uMakhanye.