Amajita abuye nembasa yeBronze kwiAfcon

UThabo Senong naMajita bavuya ukuya kwindebe yehlabathi nokubuya nembasa yeBronze emva kwe-2019 Africa Cup of Nations. umfanekiso: Chris Ricco/BackpagePix

Umqeqeshi weqela lesizwe labadlali abaselula, uThabo Senong, ubuye ezingomba isifuba futhi eqinisekile ngabadlali aza kuya nabo kwindebe yehlabathi.

Amajita abuye encumile emva kokuzuza imbasa yeBronze nokuzibekela indawo kwindebe yehlabathi kwimidlalo ye’Under-20 Africa Cup of Nations ebibanjelwe eNiger.

Iqela likaSenong lenze umsebenzi oncomekayo kakhulu ekuqaleni kweAfcon (Under-20) ngokuphumelela imidlalo elivulele ithuba lokumela uMzantsi Afrika kwakhona kwiFifa Under World Cup eza kusingathwa lilizwe lasePoland kuCanzibe kulo nyaka.

Amajita abethe iNigeria ngo’5-3 kumapenela ukuze abambe indawo yesithathu kwiAfcon. USenong usebenzise iAfcon njengeqonga lokuvavanya amandla wabadlali bakhe phambi kwendebe yehlabathi.

Emva kokudlalisa abadlali abohlukeneyo emidlalweni, umqeqeshi uthi uwuthandile umsebenzi owenziwe ngabadlali abafana noThabiso Monyane, uBayanda Shangase noKhanya Leshabela – abadlalela iqela laseNgilane ekuthiwa yiLeicester City.

“Ndiyithande kakhulu indlela abadlale ngayo abadlali bam. Eyona nto endivuyise kakhulu kukuba baphumelele futhi babethe iNigeria edlala umdlalo ophucukileyo kakhulu. Siye saqinisekisa ukuba sidlalisa abadlali abohlukeneyo emidlalweni yethu ukuze nabanye abadlali balifumane ithuba lokudlalela iqela lesizwe. Okwesibini, besifuna ukuqinisekisa ukuba sibethelela ukubaluleka kokuphumelela imidlalo njengokuba silungiselela ukuya kwindebe yehlabathi,” utshilo uSenong emva kokuba Amajita ebethe iNigeria.

Inani elivisayo labadlali baMajita badlalela amaqela adlala kwiMultiChoice Diski Shield, lo nto ithethe ukuthi abanawo amava kakuhle – kodwa uSenong uthi uza kubadlalisa kwimidlalo yokucweya phambi kwendebe yehlabathi.

“Abadlali bethu abanawo amava kakuhle. Kufuneka sibe nemidlalo yobuhlobo eliqela esiza kuyidlala phambi kokuya ePoland. Yiyo leyo kuphela indlela esinokubanceda ngayo abadlali bethu. Kodwa ndonelisekile zizinto abazizuzileyo kwitumente esisuka kuyo,” uvale ngaloo mazwi uSenong.