Amajita agqwesile kwakhona kwiCosafa Cup

South Africa celebrate winning the 2018 COSAFA U20 Championship during the 2018 COSAFA U20 Championship Final Football Match between South Africa and Zimbabwe at Nkana Stadium in Kitwe on 13 December 2018 ©Chris Ricco/BackpagePix

UMzantsi
Afrika uphinde wagqwesa ebholeni ekhatywayo kutshanje. Iqela lesizwe labadlali
abaneminyaka engaphantsi kwamashumi amabini (SA Under-20) liphinde lenza
ezibukwayo kwakhona xeshikweni likhusela indebe yeCosafa elayiphumelela kunyaka
ophelileyo. Amajita abethe iZimbabwe ngo’4-3 kumapenela emdlalweni wokugqibela
obubanjelwe eNkana Stadium. Umdlalo uphele uMzantsi Afrika ubambene neZimbabwe
ngegowuli elinye macala (1-1). Igowuli elincede Amajita etsala nzima emdlalweni
lifakwe ngumdlali odlala kakuhle kakhulu – uLyle Foster, kushiyeke imizuzu
emihlanu kuphela. Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho nto ebhodini nangona
iZimbabwe ibilelona qela elinamandla emdlalweni.

Kwisigaba sesibini,
uDelic Murimba uyibeke endaweni entle iZimbabwe ngokufaka igowuli elishiye
unozinti uKhulekani Kubheka emangalisekile. Amava nobukrelekrele bomqeqeshi
waMajita bubo obuguqule izinto kunzima. UThabo Senengo uzibonakalisile okokuba
ungomnye wabaqeqeshi abanekamva eliqaqambileyo eMzantsi Afrika ngokunceda
Amajita aphumelele iCosafa Cup isihlandlo sesibini zilandelelana. Yimbali le
engazange yenziwa kwiyumente edlalwa ngamazwe asebumelwaneni kuphela. Ezinye iindaba
ezithe zancumisa kukubuya kukaFoster newonga lomdlali othe wafaka amagowuli
amaninzi noMkhuma obe ngumdlali oqaqambileyo kwitumente yonke. Ilizwe elibambe
indawo yesithathu ibe yi-Angola ezibethe iZambia ngamagowuli amabini kwelinye
(2-1) phambi komdlalo wokuvala itumente.