Iqela lesizwe loMzantsi Afrika labadlali abangaphantsi kwamashumi amabini, Amajita, likulungele ukudlala nelizwe laseLesotho.
La mazwe mabini azakuqubisana kumdlalo wesibini wokuzibekela indawo kwiCAF African Youth Championships ozakube useDr Petrus Molemela Stadium ngoMgqibelo ngentsimbi yesithathu emalanga. Umqeqeshi uThabo Senong akenzanga nguqu kwiqela labadlali alichongileyo kunelo labuya nempumelelo ka’2-0 kumdlalo wokuqala obuseMaseru kwiiveki ezimbini ezidlulileyo.
“Siyayivuyela noko inkqubela esiyenzileyo ngoba ngumnqweno wabadlali bonke ukudlala kwiCAF Youth Championship. Abadlali banomdla ongumangaliso kwaye abasakwazi kulinda. Ndiqinisekile umsebenzi sizakuwenza kakuhle. Iza kuthi iLesotho kuba ifuna ukumosha umsebenzi wethu, kodwa ngekhe siyivumele lo nto,” utshilo uSenong izolo.
Ukuze Amajita angaphazamiseki kula mdlali kufuneka adlalele ukuwuphumelela umdlalo. Yeyona ndlela anokuqinisekisa ngayo ukuya kwawo kwitumente ezayo.
Kubanjwe abathathu ngezityholo zokuxhwila nokuqweqwedisa