Amajita azibekele indawo kwiFifa World Cup

Luke Le Roux of South Africa (r) celebrates goal with teammate Lyle Foster of South Africa during the 2018 COSAFA U20 Championship football match between South Africa and Eswatini at Nkana Stadium in Kitwe on 8 December 2018 ©Chris Ricco/BackpagePix

Amakhwenkwe
kaThabo Seong, Amajita, enze umsebenzi oncomekayo kakhulu namhlanje ngokuthi
azibekele indawo kwindebe yehlabathi (Fifa Under-20 World Cup). Amajita abethe
iBurundi ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni we’Under-20 African Cup of
Nations kwibala ekuthiwaa yiStade de Maradi kwilizwe laseNiger emantla ezwekazi
le-Afrika. Ukulwela ukuya kwindebe yehlabathi yeyona nto iqela lesizwe
loMzantsi Afrika ebeliyibeke phambili kunazo zonke izinto phambi kokunduluka
kwalo kwiveki ephelileyo. Njengokuba izinto zihambe kakuhle, ngokuqinisekileyo
kuthe qabu nakumqeqeshi.

UMzantsi
Afrika ubambe indawo yesibini kuGroup A emva kokudlala imidlalo emithathu. Abona
badlali abafake ixinizelelo kwiBUrundi zisuka emdlalweni nguKhaya Leshabeka,
uKobamelo Kodisang noThabiso Monyane. Kuye kwanyanzeleka abadlali beBurundi
baxakeke bade benza neempazamo ezikhokelele kwigowuli ekuphela kwalo
emdlalweni. Umdlali wasesiswini weSuperSport United ogama elinguLuke le Roux
ufake igowuli loMzantsi Afrika ngepenela emva kokuwiswa kukaMonyabe emzuzwini
weshumi kwisigaba sokuqala somdlalo. Bazamile nabo abadlali beBurundi – kodwa ngelishwa
labo, izinto azibahambelanga kakuhle. Amajita neNigeria ebambe indawo yokuqala
kuGroup A baya kumjikelo olandelayo we’Under-20 Afcon.