Amajita azibethe zambini ngelity’elinye!

Sibongakonke Mbatha of South Africa challenged by Ramadan Suliman of Sudan during the 2017 Total Zambia U-20 African Cup of Nations match between Sudan and South Africa at Heroes National Stadium, Lusaka Zambia on 05 March 2017 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Amajita [SA Under-20] abethe iintaka ezimbini ngelitye elinye namhlanje ngethuba equsha iSudan ngesithathu samagowuli kwelinye [3-1] kumdlalo we-2017 Afcon obubanjelwe eNational Stadium kwilizwe laseZambia. Oku kuthetha ukuthi amakhwenkwe oMzantsi Afrika aya kumjikelo olandelayo kule tumente, kwangaxeshanye, akwazile ukuzibekela indawo kwiFifa Under-20 World Cup ezakusingathwa lilizwe laseKorea.

NgaMajita aqale umdlalo kakuhle ngokunikelana ngebhola esebenzisa amendu. UPhakamani Mahlambi, ifolosi yeBidvest Wits eyinkathazo, ungcangcazelise umnatha kwathi cwaka ngomzuzu weshumi elinanye emva kokufumana ibhola entle egotywe ngugxa wakhe uLuther Singh kwicala lasekunxele.

Khange kubekudala uKhaled Osman ufake igowuli lokulinganisa nelithe lanika iSudan amandla okuwulawula umdlalo kwade kwaphela isigaba sokuqala. Amajita ebenawo amathuba okongeza amagowuli athe gqa gqa nangona ebephantsi koxinizelelo – kodwa akakwazanga ukubeka ibhola emnatheni izihlandlo ezibini ezicacileyo kanye phambi kokuya kwixesha lokuphumla.

Ngaphandle kwamathandabuzo, uThabo Senong – umqeqeshi weli qela lesizwe – kuye kwabonakala ukuba kukho into ayenzileyo ngoba abadlali bakhe babuye betshintshile kwaphela – umdlalo wabo ububonisa ukuba bafuna impumelelo qha. Iinguqu ezimbini ezenziwe nguSenong – ngethuba efaka uLiam Jordan noKobamelo Kodisang, abafike bawutshintsha umdlalo – nazo zibenegalelo elibonakalayo kulo mdlalo. UGrant Margeman noSibongakonke Mbatha ngabo abafake amagowuli amabini athathe uMzantsi Afrika awubeka kumjikelo olandelayo we-Under 20 Afcon. Ngoku Amajita azakuthi aqubisanae noomakhelwane, iZambia, kwakwelibala linye ngoLwesithathu.