Amajita azikhoth’amanxeba emva kokubethwa yi-Argentina kwindebe yehlabathi

epa07600726 Francisco Ortega (R) of Argentina and Promise Mkhuma (L) of South Africa in action during the FIFA Under-20 World Cup 2019 group F match between Argentina and South Africa in Tychy, Poland, 25 May 2019. EPA/Andrzej Grygiel POLAND OUT

Iqela lesizwe
loMzantsi Afrika lizikhotha amanxeba emva kokuvuthululwa ngemvula yamagowuli
izolo ebusuku. Amajita akhe phantsi isitya sigcwe emdlalweni wokuqala kwindebe
yehlabathi (FIFA Under-20 World Cup) eStadion Miejski – apho ubethwe
ngamagowuli amahlanu kwamabini (5-2) yi-Argentina. Amakhenkwe kaThabo Senong
agqagqaniselwe kakubi kwakwimizuzu yokuqala yomdlalo. Emzuzwini wesine, uFausto
Vera, ubhalise igowuli lokuqala le-Argentina ngebhola ayifake ngentloko emva
kokuyifumana eyedwa isuka ekoneni. Abadlali be-Argentina bawulawule umdlalo emva
koko futhi kubonakala okokuba banxanelwe ukuphumelela umdlalo ngamagowuli
amaninzi ngoba ibhola yabo ibisiya phambili ngamaxesha onke.

Uxhathisile
uMzantsi Afrika wade wavuzwa ngebhola efakwe nguKeenan Phillips ngentloko isuka
kuPromise Mkhuma. Emva koko, umdlalo waMajita uye waqina kwaye nendlela
ebedlala ngayo xa esiya phambili ibibonisa ukuba bazimisele ukulwa. ULuvuyo Phewa
uphantse wawabeka endaweni entle Amajita phambi kokuphela kwesigaba sokuqala –
qha uye waphoxwa yibhola yakhe ebanjwe ngunozinti we-Argentina – uManuel Roffo.
Emva kwekhefu, uKhulekani Kubheka unqande amanzi engena endlini izihlandlo eziliqela,
abadlali be-Argentina befun’into ebilapha. UPhillips ukhutshwe ngekhadi elibomvu
emva kokubanjwa yiVAR. Emva koko iArgentina ifake amagowuli amane, wona Amajita
afumene elesibini ngepenela efakwe nguLeo Thethani.