Amakhosi abakhulule abadlali abaliqela

Kaizer Chiefs

Eminimaqanda
namhlanje, Amakhosi abhengeze amagama wabadlali abakhululweyo. Bahlanu abadlali
ekuthiwe mabakhangele amaqela amatsha. Phakathi kwalo magama kukho uWilliam
Twala, u-Edmore Chirambadare, uSibusiso Khumalo, uTsepo Masilela noKeagan
Buchanan. Izolo elinye iKaizer Chiefs ibhengeze ukuhamba kukaBrian Baloyi
onezicwangciso ezingezinye ngokwengxelo ekhutshwe liqela. Ukuhamba kwaba
badlali kuza emva kwesigqibo esathathwa yiChiefs ekupheleni kwesizini emva
kokungaqhubi kakuhle phantse iminyaka emithathu yonke.

UBrilliant Khuzwayo
otyikitywe yi-Orlando Pirates ekuqaleni kwale veki. Izivumelwano zengqesho  zabadlali abathathu ziqhawulwe – logama ezabanye
zifikelele esiphelweni. “Siziqhawule izivumelwano zengqesho zikaWilliam Twala,
uKeagan Buchanan, uSibusiso Khumalo noChirambadare. Ngabadlali abanesiphiwo
kakhulu aba – kodwa abakwazanga ukudlala kakuhle. Asifuni ke ukugcina abadlali
bengenzinto apha. Yiyo lo nto sibakhulula ukuze baye kwezinye iindawo,” utshilo
uBoby Motaung kwikhasi lomnatha leChiefs.

Nangona iChiefs
ikhulule abadlali abangaphaya kwesihlanu – kodwa ayikababhengezi abadlali
abatsha nomqeqeshi oza kungena endaweni kaSteve Komphela olahla phambi
kokuphela kwesizini yePSL ka-2017/18.