Amakhosi abambene ngeqanda nePetro de Luanda kwiChampions League

Umdlalo ude wafikelela esiphelweni lingekho iqela elifuna ukoyiswa phakathi kwePetro de Luanda neKaizer Chiefs emdlalweni weCaf Champions League obudikidiki namhlanje eLuanda kwilizwe lasebumelwaneni, e-Angola. Amakhosi aye enethemba emdlalweni wanamhlanje ngoba aye akwazi ukuyibetha ngo’2-0 othuleyo iPetro de Luanda emdlalweni obukwiveki ephelileyo eMzantsi Afrika.

Iziphumo zanamhlanje aziyincedanga iChiefs ngoba isahleli kwindawo yesithathu emva kokuqokelela amanqaku amane emidlalweni iyidlalile kwiChampions League. Umdlalo khange ube nawo umtsalane wade wayokuphela. Aphantse afuma igowuli Amakhosi ngethuba uLebogang Manyama ezama ukukhabela unozinti emzuzwini weshimi elinanye – kodwa umzamo wakhe uphazanyiswe ngabadlali beqela ebilidlalela ekhaya.

Ngoko nangoko, abadlali bePetro de Luanda badibanise iibhola besiya phambili – ngelishwa labo, bafike ethe qwa uDaniel Akpeyi ezipalini. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iqela laseMzantsi Afrika ilelona lithembisayo. Ibe libali elifanayo nakwisigaba sesibini somdlalo. Lide laphela ixesha lomdlalo kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini. Amakhosi ayalingana ngamanqaku neHoroya – kodwa yona ikwindawo yesibini.