Amakhosi abekwe izandla yiPirates emdlalweni omkhulu weDStv Premiership

. ULebogang Manyama noKearyn Baccus bazamile ukukhabela ipali – kodwa iinzame zabo aziphumelelanga. Izinto ziguquke kanye phambi kokuphela kwesigaba Emva kwemidlalo emihlanu engaphulukananga namdlalo, Amakhosi anxubile kwakhona emva kokubekwa izandla yi-Orlando Pirates ngo’2-1 emdlalweni weDStv Premiership obuvutha e-Orlando Stadium.

Impumelelo yanamhlanje yinto enkulu kwiPirates ebisanyathelela phezulu emva kokuvuthulula Amakhosi ngamagowuli amahlanu emidlalweni emibini yeMTN8 ekuzeni kuphela kuka-2020. Ezimnyama zisebenze kakuhle nangokuzimisela zatsho zafumana amanqaku amathathu azibeke kwindawo yesine kwiDStv Premiership. Kuliwe ngamaqela omabini kwa kwisigaba sokuqala somdlalo. Amakhosi ngawo ayeke amathuba kuqala noxa nayo iPirates ibingayekanga ukuhlaselasokuqala ngethuba uThembinkosi Lorch ebhakuzelisa umnatha emva kokugqitha kuDaniel Akpeyi obhutyuze ibhola.

Umdlalo uye wanika umdla ngakumbi kwisigaba sesibini ngoba iPirates ibidlalela ukukhusela into enayo – kanti yona iChiefs ibisilwela ukufumana igowuli lokulinganisa. UGavin Hunt ukhuphe uNkosingiphile Ngcobo, obekhonkxiwe yiPirates kwesokuqala isigaba, wafaka uHappy Mashiane endaweni yakhe. Aphose ithuba lokufaka igowuli lokulinganisa Amakhosi emva kokuba ipenela kaSamir Nurkovic ichithiwe nguRichard Ofori odlale kakuhle emdlalweni.

USiyabonga Ngezana woyiswe kukufaka ibhola iipali zivulekile. Ifake igowuli lesibini iPirates ngebhola kaSiphesihle Ndlovu ongene endaweni kaDeon Hotto. IChiefs ifumene igowuli lokubika elifakwe nguDaniel Cardoso ngentloko – kodwa ixesha beselimkile kakhulu kwaye nePirates ibivale mba emva. Emidlalweni emithathu ephakathi kwala maqela mabini, uGavin Hunt ubethwe kuyo yonke. Ukubethwa kweChiefs kubuyisele umva iinzame zayo zokuvala umsantsa ophakathi kwayo namaqela aphezulu.

Pirates: Ofori, Hlatshwayo, Jele, Nyauza, Sam, Monare, Motshwari, Makaringe, Pule, Hotto, Lorch.

amalalela: Sandilands, Dzvukamanja, Mntambo, Mako, Zungu, Dlamini, Jooste, Ndlovu, Mhango.

Chiefs: Akpeyi, Frosler, Zulu, Ngezana, Cardoso, Akumu, Blom, Baccus, Nurkovic, Manyama, Ngcobo.

Amalalela: Bvuma, Mathoho, Parker, Katsande, Moleko, Castro, Sasman, Zuma, Mashiane.