Amakhosi abethe iCT City ebunzimeni emdlalweni weTelkom Knockout

SOUTH AFRICA - Cape Town - 19 October 2019 Cape Town City player Kermit Erasmus challenged by Daniel Cardoso of Kaizer Chiefs in the Telkom Knockout last 16 at the Cape Town Stadium. Picture: Phandulwazi Jikelo/ANA

Emva kwemizuzu
elikhulu namashumi amabini, Amakhosi ancedwe ngamapenela ukuze abethe iCape Town
City
akwazi nokuzibekela
indawo kumjikelo wesibini weTelkom Knockout. Umdlalo uphele iCT City
neKaizer Chiefs zibambene ngegowuli elinye macala (1-1) eCape Town Stadium
ebilayishe abalandeli bebhola abebesondele kumashumi amathathu amawaka. Umdlalo
uqale ngesantya esiphezulu; iqela ngalinye belifuna ukubhakuzelisa umnatha
kwangoko kwisigaba sokuqala. UMark Mayambela, uKermit Erasmus noThabo Nodada
bayicacise gca into ebifunwa yiCity – kodwa yiChiefs elona qela eliphose ithuba
lokukhokela phambili ngethuba uDaniel Cardoso ephosa ipenela. Umqeqeshi
weChiefs, uErnst Middendorp, uye wanzeleka ukuba enze iinguqu kwangoko
emdlalweni emva kokonzakala kukaBernard Parker noKearyn Buccas.

Image may contain: 2 people, people smiling, people playing sports and outdoor

Athathe
apho ayeke khona amaqela kwisigaba sesibini – kodwa uKermit Erasmus ukhawuleze
wayibeka endaweni entle iCT
City
emva kokufaka
igowuli elihle kakhulu ekude. UGeorge Maluleka, uDumisani Zuma noSamir Nurkovic
benze umahluko emkhulu ekungeneni kwabo. UKermit, uNodada noTaariq Fielies
ngamanye wamadoda adlale kakuhle kwiqela likaBenni McCarthy ebelizimisele
ukuyibetha iChiefs elibethe okwesibini kule isizini. Umdlali onyanzele umdlalo
uye kwixesha elongeziweyo nguNurkovic ofake igowuli ekuzeni kuphela komdlalo. Amakhosi
aye aphumelela emdlalweni emva kokuba uDaniel Akpeyi ebambe enye yamapenela
akhatywe ngabadlali beCT City. Nayo iGolden Arrows idlulele phambili ngegowuli
elinye ebethe ngalo iPolokwane
City
emdlalweni
obubanjelwe eSugar Ray Xulu Stadium.

City: Leeuwenburgh, Martin,
Fielies, Edmilson, Kewuti, Mokeke, Nodada, Makola, Ralani, Mayambela, Erasmus.

Amalalela: Stephens,
Seedat, Abrahams, Norodien, Roberts, Lakay, Mthembu.

Chiefs: Akpeyi, Sasman,
Mathoho, Cardoso, Frosler, Katsande, Manyama, Parker, Baccus, Billiat, Castro

Amalalela:
Bvuma, Maluleka, Nurković, Zulu, Zuma, Ngezana, Blom.