Amakhosi abethwe ngoswazi lwawo!

Umdlali owayefudula enxiba isikipha seKaizer Chiefs, uThela Ngobeni, uxabe endleleni yayo eya empumelelweni kwimpelaveki ephelileyo ngethuba iqela alidlalelayo ngoku, liguqisa phantsi Amakhosi kumdlalo obalulekileyo.

IFree State Stars yothuse umzi ngokubetha iChiefs ngo’6-5 kumapenele emva kwexesha elongezelelweyo kumdlalo weTelkom Knockout obuseMoses Mabhida Stadium.

Ukuba ibingebobulumko nobuchule bukaNgobeni, iChiefs ngeyaphumelela ngamagowuli amaninzi.

Lo mdlali, 27, ukwiFree State Stars ngemboleko – ukweli qela kuba efuna ukufumana ithuba lokuvuselela ikhono lakhe lebhola ekhatywayo emva kokungafumani ithuba lokudlala kwiChiefs nakwiMamelodi Sundowns asezincwadini zayo.

Izinto zimhambela kakuhle kwaye naye usebenza ngokukhuthala okukhulu kweli qela laseFree State.

“Kuninzi okusezayo kwikhono lam. Into efunekayo kum kukumilisela ingqondo yam ebholeni, ndizame ukuphucula indlela endidlala ngayo – futhi andigabadeli ngeengcinga,” utshilo uNgobeni. – Pedro Mapelo