Amakhosi abuye nomnqongo emva kokubambana neBlack Leopards

Bernard Parker of Kaizer Chiefs and Tshwarelo Bereng of Black Leopards during the Absa Premiership 2018/19 game between Black Leopards and Kaizer Chiefs at Peter Thohoyandou Stadium in Polokwane the on 13 April 2019 © Kabelo Leputu/BackpagePix

Amakhosi
azinzile kwindawo yesixhenxe kwiPremier Soccer League emva kokudlala ntangane emdlalweni
wanamhlanje. Umdlalo oqale ngesantya esiphezulu obuphakathi kweKaizer Chiefs neBlack
Leopards – ushiye uninzi luphoxekile emva kokuba uphele ebambene ngo’1-1
eThohoyandou Stadium ebigcwele ithe qhu ngabalandeli bebhola ekhatywayo (18 0000) baseLimpopo. Bekulindeleke iChiefs ifumane amanqaku amathathu emdlalweni
wanamhlanje emva kokubethwa yiBaroka FC ngo’1-0 kwiveki ephelileyo ngenxa
yokungawasebenzisi ngokupheleleyo amathuba ekhona. Umqeqeshi wayo, uErnst
Middendorp, uqale umdlalo ngabadlali abafana noLorenzo Gordinho, uKabelo
Mahlasela, uWillard Katsande nabanye – kodwa iChiefs yakhe ayikwazanga
ukuyibetha iBlack Leopards edlale kakuhle isiqingatha sokuqala. UMwape Musonda
weLeopards, ohamba phambili ngokufaka amagowuli kwiPSL, namhlanje
akabonakalanga nangotshengele emdlalweni.

Emva kwesiqingatha
sokuqala somdlalo, iBlack Leopards neKaizer Chiefs ziye kwixesha lokuphula
zibambene ngegowuli elinye macala (1-1). ILeopards iqale yankqonkqoza
kwiimpondo zeChiefs kwimizuzu yokuqala. UKarabo Tshepe noMwape Musonda ngabona
badlali abaphantse bayonzakalisa iChiefs eqale umdlalo ngabadlali abatsha
abasixhenxe. UBernard Parker uphantse wabeka ibhola emnatheni ngentloko emva
kokungquba ibhola ebigotywe nguRamahlwe Mphahlele. Khange kube kudala,
uAndriamirado “Dax” Andrianarimanana ubhakuzelise umnatha emva kokudlalelwa
kakuhle nguWillard Katsande noKabelo Mahlasela. UMarks Monyai ufake igowuli elihle
leLeopards ngentloko emva kwebhola ebibekwe phantsi kufuphi nomhlaba kaDaniel
Akpeyi. UMwape Musonda uphoswe ligowuli emva kwebhola echithwe nguMario Booysen
endaweni embi.

UDax, ofake
igowuli lakhe lokuqala njengomdlali weChiefs, uphantse wafaka elinye igowuli emzuzwini
wamashumi amahlanu anesihlanu. Ibhola yakhe inqandwe ngumdlali wasemva
weLeopards. Nangona ebehlaselana omabini amaqela – kodwa isantya somdlalo
besithande ukuhla kwisigaba sesibini. UKhama Billiat ukhabe imbumbulu yebhola emzuzwini
wamashumi amahlanu nesibhozo ephakathi kogxudululu lwabadlali beLeopards
abakwazileyo ukuyinqanda ayafikelela kunozinti. Umqeqeshi weChiefs, uErnst
Middendorp, ukhuphe uReeve Frosler, obeqala ukudlalela iChiefs, wafaka uPhilani
Zulu endaweni yakhe. Yona iLeopards ifake uJoseph Mhlongo ngelizama ukuqinisa
umdlalo wayo. Ibhola kaKarabo Tshepe iphumeme ecaleni ayikhabe eyedwa emhlabeni
kanozinti. UNdlovu uvale ibhola embi kaZulu. Komnye umdlalo, iHighlands Park
ibethe iMaritzburg United esemsileni ngo’1-0 emdlalweni obubanjelwe eMakhulong
Stadium. Kanti yona iChippa United ibethwe yiBidvest Wits ngo’1-0 izolo eBhayi.

  

Leopards: King Ndlovu, Marks Munyai, Chris Katjiuka,
Jean Munganga, Pentjie Zulu, Khuliso Mudau, Lehlohonolo Masalesa, Tshwarelo
Bereng, Lifa Hlongwane, Karabo Tshepe, Mwape Musonda.

Amalalela: Rotshidzwa Muleka, Rhivhavhubzi Ndou, Lesedi
Kapinga, Ivan Mahangwahaya, Robert Ngambi, Joseph Mhlongo, Thokozani Sekotlong.

Chiefs: Daniel Akpeyi, Ramahlwe Mphahlele, Mario
Booysen, Daniel Cardoso, Lorenzo Gordinho, Reeve Frosler, Adrianarimanana,
Willard Kantsande, Kabelo mahlasela, Bernard Parker, Khama Billiat.

Amalalela: Bruce Bvuma, Ryan Moon, Siphelele Ntshangase,
Philani Zulu, Siyabonga Ngezana, Given Thibedi, Njabulo Blom.