Ekuqaleni kwesizini, lalikhona ithemba lesizini engcono emva kokutyikitywa kwabadlali abatsha yiKaizer Chiefs. Ithemba lazalwa ngumsebenzi omhle owenziwa nguArthur Zwane emva kokugxothwa kukaGavin Hunt kwisizini egqithileyo. Uzamile ukulihlaziya iqela uZwane esebenzisa abadlali abasakhulayo nabatsha abathengwe ngabaphathi bakhe – kodwa kuye kwanzima ebudeni bendlela yesini esongwa ngoMgqibelo. Nangona iChiefs ibinalo ithuba lokukhuphisana neMamelodi Sundowns etshatsheleyo kwakhona, yona yalilahla esithubeni ngenxa yokungaphumeleli imidlalo elula. Ekupheleni kwenyanga kaTshazimpuzi, iChiefs ibinalo ithuba lokubamba indawo yesibini kwiDStv iphumelele neNedbank Cup – kodwa nalawo amathuba iwaphuncule.
Emva kokuba iChiefs ibethwe yiSuperSport United kwiveki ephelileyo, uZwane uphume ebaleni ekhuselwe ngamapolisa abalandeli bemfuna esiqwini. Ulaka labalandeli lwenziwa yindlala yeminyaka esibhozo – into engazange yenzeka kwimbali yeChiefs ukusukela oko yasekwayo. Kukhangeleka ngathi umsebenzi usenawo umqeqeshi emva kwesiganeko esenzeke eRoyal Bafokeng kwiveki epheloleyo. Amakhosi abethwe kane emidlalweni emihlanu elandelelanayo. Kodwa kungenzeka iChiefs ixoze omnye umphini emva kokuphela kwesizini ngoba okwenzekayo ngoku akuniki themba lokuphucuka kwezinto. Isithethi seChiefs, uVina Maphosa, sithe umqeqeshi akonzakaliswanga ngabalandeli.
“Umqeqeshi uye wonzakala emva komdlalo. Wonzakala elihlweni kodwa waye wancedwa ngoogqirha. Zange abethwe ngabalandeli, wonzakaliswa likhakha lamapolisa awayezama ukumkhusela,” utshilo uMaposa ekuqaleni kwale veki kwiRadio 2000. “Umqeqeshi uyalulama kwaye uza kube ekhona emdlalweni ozayo. Okwenziwe ngabalandeli kuyasihlaza ngoba singabantu bokuthula noxolo. Asinaso isicwangciso sokususa umqeqeshi. Into esingazukuyenza kukuthatha isigqibo ngenxa yomsindo wabalandeli. Ukufika nokuhamba kwabadlali kuza kwenziwa emva kwesizini. Okwangoku, uZwane ngumqeqeshi weChiefs,” utshilo uMaphosa. Amakhosi aza kudibana neCape Town City emdlalweni wokugqibela kwaye asicicini lokususwa kwindawo yesine ukuba abethiwe eFNB Stadium. Abalandeli baceliwe ngabaphathi beqela ukuba baziphathe kakuhle futhi baxhase umqeqeshi nabadlali ngokupheleleyo.
Ngama-332 iintsuku zobumnyama ku2023