Amakhosi achithe isithathu sonke sabadlali ngenjikalanga yanamhlanje

Hendrick Ekstein of Kaizer Chiefs during the Absa Premiership 2018/19 match between Kaizer Chiefs and Orlando Pirates at FNB Stadium, Johannesburg on 9 February 2019 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Iindaba eziphuma
eNaturena ngolu rhatya zithi iKaizer Chiefs igqibe kwelokuba ibachithe abadlali
abathathu bonke namhlanje. Amagama wabadlali nguHendrick Ekstein, uKhotso
Malope nuGustavo Paez. Ukuhamba kukaPaez no-Ekstein bekusoloko iyinto
ejikelezayo kumajelo eendaba njengokuba bekusondela ixesha lokuvuselelwa
kwezivumelwano zengqesho. Namhlanje iChiefs ikhuphe ingxelo ebhaliweyo
eqinisekisileyo okokuba ngokwenene yahlukene nabadlali bobathathu. Ukuhamba kukaMalope
kothusile ngoba ngumdlali oveliswe yiChiefs – kodwa engazange imnike ithuba
lokuzibonakalisa ebaleni.

Akothusanga
kekambe ukuhamba kwakhe uGustavo Paez ngoba zange walinikwa ithuba lokudlala
ukusukela oko kwafika uErnst Middendorp kwiChiefs ekuqaleni konyaka. UPaez udlale
kakhulu phantsi kukaSteve Komphela – oyena mqeqeshi owamtykityayo ngo-2017. Yena
uEkstein uhamba kwiChiefs emva kweminyaka eliqela eyidlalela. Uzizacise kakhulu
ngethuba kusekho uKomphela – kodwa naye iMiddendorp ebemxabisile futhi
emsebenzisa kakhulu. Ingxaki ebangene achithwe yiChiefs yimali ebeyifuna xa
evuselele isivumelwano sakhe – kodwa kwelinye icala kukho into ethi ebesele
eqinisekise elinye iqela ukuba uza kudlalela lona kwisizini entsha.