Amaqela adlala kwi-Absa Premier Soccer League abuyela enkomeni kwakhona kule veki emva kokuphumla ngenxa yemidlalo yeNedbank Cup.
Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uSteve Komphela, namakhwenkwe akhe utyelela i-University of Pretoria kumdlalo wePSl ozakudlalelwa eTuks Stadium ngo’19:30 ngoLwesithathu.
Iqela lasePhefeni liya kulo mdlalo ngaphandle kwabadlali balo abaphambili abafana noWilliam Twala onqunyanyisiweyo ngenxa yamakhadi.
UTsepo Masilela odlala emva noRineilwe Letsholonyane nabo bayathandabuzeka. Kodwa oyena mdlali oyakuthi kubonakale ukuba akekho nguTwala ngoba kwimidlalo edlulileyo ebesoloko eyinxalenye yeqela eliqala umdlalo.
AmaTuks adlalela ukusinda ezembeni, lo nto ithethe ukuthi uKomphela kufuneka aqule aligangathe.
Nangona Amakhosi eyoxuthiwe indebe yePSL, kodwa uKomphela uthe bafuna ukulungisa iimpazamo kule midlalo iseleyo.
Kungokunje, iChiefs ilwela ukubamba indawo yesithathu ukuze ibenako ukungena kwimidlalo yeCaf Confederation Cup ukuba izinto zihamba kakuhle.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo