Amakhosi adlulela kumjikelo olandelayo weTelkom

UBernard Parker no-Ayabulela Konqobe ngethuba lomdlalo weTelkom Knockout eNelson Mandela Bay Stadium. Umfanekiso: Siyanda Zakhe

Amakhosi
adlulela kumjikelo olandelayo weTelkom Knockout emva kokubetha iChippa United
ngo’1-0 kumdlalo obuzinyaswe ngamawakawaka abalandeli bebhola eNelson Mandela
Bay Stadium ngale njikalanga. Igowuli lempumelelo lifakwe nguBernad Parker
kwisigaba sokuqala somdlalo. Ngoku uTebogo Moloi neqela lakhe nazakuqinisa
kwimidlalo yePSL abasaqhuba kakuhle kuyo. Ukuya kweChiefs kwimidlalo ephambi
komdlalo wokugqibela kuyinika ithuba lokubuyisa isidima sayo ngokuthi izuze
indebe emva kwendlala yeesizini ezimbini.

Kuyiwe
kwixesha lokuphumla iKaizer Chiefs ihamba phambili ngegowuli elinye. UBernard Parker
ufake ipenela emva kokuba uJames Okwuosa ewise uJoseph Molangoane endaweni
embi. Umdlalo uqale kakuhle njengoko bekulindelekile. IiChilli Boys zizo ezilawule
umdlalo futhi kubonakala ukuba zifuna ukubhalisa ebhodini – kodwa iinzame zazo
aziphumelelanga. Amakhosi ebexhathise ngo-Eric Mathoho, uDaniel Cardoso
noSiyabonga Ngezana ngabo abaqinisekise ukuba iChiefs iyasinda. Ngaphandle
kweempazamo ezenziwe ngu-Okwosa kwisigaba sokuqala, abadlali beChippa United
bazamile ukumkhonxa uSiphiwe Tshabalala noMolangoane emaphikweni. USizwe Mdlinzo
no-Abel Mabaso bazamile ukuqhawula iibhola ebeziphuma kuWillard Katsande esizikithini
sebala. ULerato Manzini akafumenanga ndlela yakugqobhoza ngoba ebephantsi
kweliso elibukhali likaCardoso – kodwa nayo iChippa ibinako ukungawasebenzisi
ngokupheleleyo amathuba ewafumeneyo kwisigaba sokuqala.

Abadlali
beChippa United babuye benamandla; bakwazile ukuyifaka phantsi koxinizelelo
iChiefs ebekubonakala ukuba izimisele ukukhusela igowuli layo elinye. UMpho Mvelase
ebeyithe nca iChiefs ekunene kwaye lo nto inyanzele uPhilani Zulu ukuba angayi
phambili njengesiqhelo. ULerato Manzini ongenzanga nto ingako kulo mdlalo uye
wakhutshwa, emdaweni yakhe kungene uSamuel Julies ofake amagowuli amathathu
kwimidlalo yeChippa edlulileyo. Yena uKurt Lentjies ungene endaweni ka-Andile
Mbenyane. Ukungena kukaLentjies kwenze umahluko omkhulu – iiChilli Boys
zihlasele  macala, kodwa unozinti
weChiefs, u-Itumeleng Khune uye wazinqakula iibhola eziliqela ebezinobungozi.UMarko
Paseka udlale umdlalo omhle kakhulu – kodwa ithuba alifumene sekuphela umdlalo
akakwazanga ukulisebenzisa kakuhle. UKhune uphumile emdlalweni emva kokungqubana noLentjies. UCardoso ungene ezipalini endaweni kaKhune ngoba uSteve Komphela ebesetshintshe wagqiba. Amakhosi aphumelele, yaba kukuphuma kwayo ke oko iChippa United.