Nakubeni kunzima ukufumana abadlali ebibafuna, iKaizer Chiefs ikwazile ukufumana isiqwayi somdlali kwiqela lase’Angola. Ingxelo ekhutshwe yiSoccer Laduma ekuqaleni kwale veki ithi iChiefs ifumene umdlali ekuthiwa ngu-Inacio Miguel kwiPetro de Luanda. Kuthiwa iChiefs imnunusa ngesivumelwano sengqesho seminyaka emithathu uMiguel ekulindeleke ukuba agaleleke eMzantsi Afrika phambi kokusongwa kwale veki.
Oku kwenzeka emva kokuba Amakhosi engamfumana uAsanele Velebhayi ekukhatywe isicelo sawo yiCape Town Spurs kwiveki ephelileyo. “Kulindeleke ukuba kugqitywe zonke izinto futhi nomdlali uza kufika kungekudala eMzantsi Afrika. Iqela nomdlali baxoxa ngesivumelwano seminyaka emithathu nomnye unyaka ngaphezulu. Umvuzo yinto ephakathi komdlali neqela. Kodwa iChiefs ilinde nje kutyikitywe phantsi yonke into,” utshilo umthombo othembekileyo ohlebele iSoccer Laduma.
Nakubeni imali ekuthengwa ngayo abadlali ingachazwa eMzantsi Afrika, kuthiwa iChiefs iza kubhatala imali eqikelelwa kwizigidi zerandi ezithathu (R3-million). Amakhosi azimisele ukuqinisa indlela adlala ngayo emva kwisizini entsha. Kwisizini egqithileyo, kufakwe amagowuli amaninzi kuwo ngendlela engaqhelekanga. UMiguel, onamava awafumene emidlalweni yeCAF Champions League, uza kunceda iChiefs ezama ukubuyisa isidima sayo emva kwendlala yeminyaka elishumi.
UNasreddine Nabi usebenza ubusuku nemini emva kokuhlazwa kweChiefs ngo’4-0 yiYoung Africans emdlalweni weToyota Cup ebibanjelwe eBloemfontein ekupheleni kwenyanga yeKhala. Oku kwenzeke eneentsuku ezimbalwa ebuyele ekhaya emva kokuchitha inyanga yonke eYurophu. UNabi, ongene endaweni kaCavin Johnson, uphantsi koxinizelelo ngoba abalandeli beChiefs babeke ithemba labo lonke kuye.
Kufike ixesha lokuba ndibuyele ekhaya, utsho uSiya Kolisi