Amakhosi afuna ukuwonga uMotaung ngendebe yeCAF Champions League!

Amakhosi ebhiyoza emva komdlalo phakathi kwayo neWydad Casablanca. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackapagePix

Umqeqeshi obambeleyo weKaizer Chiefs, u-Arthur Zwane, uliqhwabele izandla iqela lakhe emva kokufikelela kwisigaba sokugqibela kwiCAF Champions League. Amakhosi azenzele imbali emva kokubambana neWydad Casablanca ngeqanda macala emdlalweni obunzima eFNB Stadium kwiveki ephelileyo. Ayikwazanga ukugqitha iWydad Casablanca ngoba yabethelwa ebaleni layo yiChiefs emdlalweni obubanjelwe eMorocco kwiveki engaphaya kwegqithileyo. Okwenziwe yiChiefs kufana nesimanga, into engakholelekiyo ngenxa yokungaqhubi kakuhle kwayo kwisizini egqithileyo yeDStv Premiership okuye kwayinyanzela ukuba igxothe uGavin Hunt kungaphelanga nonyaka. Emva kweso sigqibo, uZwane noDillon Sheppard, balithatha iqela balifaka kwiTop 8 emva kokuphumelela imidlalo emibini yokugqibela. Baqhube kakuhle nakwiChampions League ngoba ngoku inethuba lokulandela ekhondweni le-Orlando Pirates neMamelodi Sundowns ngokuthi iphakamise enye yeendebe ezibalulekileyo ebholeni yase-Afrika.

Ethetha emva kokuvimba iWydad Casablanca, ekungekho nto engayizama emdlalweni ukuze ifumane igowuli, uZwane uthe: “Besisazi ukuba umsebenzi uza kuba nzima xa sidibene namaqela amakhulu wezwekazi le-Afrika. Sibulela ongasentla ngokusinika amandla okuhamba umgama ongaka kwiChampions League. Ukugqitha kwiWydad yinto enkulu ngoba lelinye lamaqela anamandla e-Afrika. Siye emdlalweni sisazi ukuba sifuna ukumelana nendlela edlala ngayo, iza kusohlwaya. Into ebibalulekile kuthi emdlalweni kukuqinisekisa ukuba siya emdlalweni wokugqibela qha. Yayisoloko iliphupha lethu ukuphumelela indebe yeCAF Champions League nam ndisengumdlali weChiefs. Sasifuna ukuwonga usihlalo (uMnu. Kaizer Motaung) ngayo. Ndinethemba lokuba uThixo uza kusipha amandla wokuyiphumelela ukuze simnike yona.”

Umqeqeshi weWydad, uFaouzi Benzarti, uyincomile iChiefs phambi kokulifulathela ilizwe loMzantsi Afrika. “Sidlale ngendlela efanayo nasemdlalweni wokuqala. Umdlalo ulawulwe sithi, sadala namathuba – kodwa ndifuna ukuvuyisana neChiefs efikelele kwisigaba sokugqibela seChampions League. Ikwazile ukusivimba iChiefs phaya emva ngoba sidinge nje umdlali obenokufaka igowuli,” utshilo uBenzarti. Ngoku Amakhosi aza kuqubisana ne-Al Ahly eqeqeshwa nguPitso Mosimane walapha eMzantsi Afrika ngomhla weshumi elinesixhenxe kule nyaka yeKhala. “Siya emdlalweni silelona qela elingabonwa njengelingaphumelela – kodwa ke kuhle ngoba sineeveki ezintathu zokulungiselela umdlalo,” utshilo uZwane ethetha ngomdlalo wokugqibela.