Amakhosi afuna ukuxolisa abalandeli ngeNedbank Cup!

USead Ramovic weTS Galaxy noStuart Baxter weKaizer Chiefs kwindibano yeNedbank Cup kule veki. Umfanekiso: Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Amakhosi aza kufumana ithuba lokugqibela lokuxolisa abalandeli ngendebe emva kobufede bawo obuqingqithe iminyakeni engaphaya kwesithandathu. Xa edibana neTS Galaxy ngentsimbi yesithandathu eFNB Stadium ngokuhlwa kwangoMgqibelo, kunyanzelekile azuze impumelelo ukuze kwehle ulaka labalandeli abasoloko benxwalwa ngabeMamelodi Sundowns egqugqisayo ebholeni yaseMzantsi Afrika. Amakhosi agqibela ukuphakamisa indebe ngesizini ka-2015 phambi kokuhamba kukaStuart Baxter. Njengokuba ebuyele eNaturena nje ekuqaleni kwesizini ka-2021/22, abantu abaninzi bazibuza umbuzo othi: Angawanceda na Amakhosi emva kweminyaka engaka yendlala? Akukho bani waziyo ngoba indebe yeDStv Premiership kukhangeleka ngathi iya ePitoli, kwiSundowns ethe ngcu kwindawo yokuqala.

Kwiminyaka eyadlulayo, uBaxter washiya iindebe ezine zonke kwiChiefs. Ethetha neentatheli kule veki, uBaxter uthe kuyanyanzeleka iChiefs ilwele ukuyiphumelela iNedbank Cup. “Kunyanzelekile ukuba siyithathe iNedbank Cup njengendebe ekufanele siyiphumelele. Ngumsebenzi oza kuba lushica ngenxa yokuxinizelelo oluphezu kweqela,” utshilo uBaxter. Amakhosi aya emdlalweni wangempelaveki efuna ukuziphindezela kwiTS Galaxy eyawahlaza ngo’1-0 emdlalweni owawuseMoses Mabhida Stdaium ngo-2019. Igowuli elafakwa nguZakhele Lepasa ngepenela lanika iTS Galaxy indebe yayo yokuqala kwimbali yayo isadlala kwiGladAfrica Championship.

Umdlali wasemva kwiGalaxy, uEbrahim Seedat, uthi iqela lakhe likulungele ukudibana neChiefs. “Ukuzimisela kukona kuza kusinceda xa sidibana neChiefs. Sikulungele ukudibana nayo. Nangona iChiefs iliqela elikhulu – kodwa siza kube silingana ebaleni. Kungakuhle ukuba singayiphulelela iNedbank Cup kwakhona. Ixhomekeke kuthi badlali kodwa leyo into. Sinalo ithuba lokuyibetha iChiefs ukuba sizimisele,” utshilo uSeedat phambi komdlalo wangempelaveki. Iqela eliphumelele iNedbank Cup phambi kokusongwa kwesizini, liza kufumana izigidi ezisixhenxe zerandi (R7-million) lifumane nethuba lokudlala kwiCAF Confederation Cup.