Amakhosi afuna ukuyigcina indebe

Iintshatsheli ezikhuselayo ze-Absa Premiership kunye neMTN 8 iKaizer Chiefs izakuqala ukukhusela indebe yayo yokuqala ngokuhlwa kwanamhlanje xa bequbisana neqela laKwaZulu Natal iMaritzburg United. Lo mdlalo uza kudlalelwa e-FNB eRhawutini kwaye izakuba ngumdlalo wokuqala kamqeqeshi uSteve Komphela njengo mqeqeshi weChiefs, uzakube edlala neqela ebelikhokela kwisizini ephelileyo.

IChiefs ibe zintshatsheli ze MTN 8 kwisizini ephelileyo emva kokubetha intshaba zabo i-Orlando Pirates kumdlalo wamagqibela kankqoyi kwibala iMoses Mabhida.

IChiefs ibibambe iinkomfa noonondaba ukuthetha ngalo mdlalo wanamhlanje, nalapho umqeqeshi uKomphela ebethetha ngendlela aziva ngayo nento enokulindelwa ngabalandeli beKaizer Chiefs. UKomphela ukuchazile ukuba ukukhusela lendebe yenye yenjongo zakhe eziphambili, neliqela.

“Ingwe ayiwatshintshi amabala ayo, kufuneka siwenzile umsebenzi wethu kwaye ndilazi ukusuka nokuhlala eliqela,” utshilo uKomphela.

UKomphela uye walishiya iqela leMaritzburg United ebutsheni buka Juni, emva kokufumana isithuba sokuqeqesha kwiChiefs. USteve uthi akayithatheli phantsi iMaritzburg neqeqeshwa nguMandla Ncikazi obengumncedisi wakhe kwisizini ephelileyo.

“Banomceli mngeni nabo, kuba batshintshe umqeqeshi kunye nabadlali, kukho amaqela angoompondo-zihlanjiwe bodwa kwiMTN 8, kwaye ndizakuba nabantu ababekade benga baqeshi bam kwaye uMandla Ncikazi ngumqeqeshi onesakhono kakhulu,” utshilo uKomphela ethetha noonondaba, eRhawutini.

IChiefs ivule kakubi kule sizini kuba babethiwe yi-Orlando Pirates kumdlalo wendebe iCarling Black Label wangoMgqibelo. UKomphela uthi banethemba kakhulu ngolu khuphiswano, kwaye bazakusebenza nzima ukubuyisela isidima sabo.

“Ndiyabulela ukuba ndifumene ithuba elaneleyo lokuba ndingene kweliqela,” utshilo. “Imidlalo yethu yaphambi kokuvula kwesizini indinike ixesha elaneleyo lokuba ndifumane iziphumo endingakwazi ukusebenza ngazo kule sizini. Andikho phantsi konxinezelelo, siwulindele umdlalo wangokuhlwa.” Ikapteni esandula kwenyulwa yeChiefs uSiphiwe Tshabalala nodlala ecabangeni uthi uqinisekile ukuba nje ngabadlali sele bewulungele umdlalo wangomso. “Sizintshatsheli ezikhuselayo . Isizini ephelileyo ibinzima, kodwa kulena kuzakuba nzima kakhulu. Sifuna ukukhusela intshinga yethu,” utshilo uShabba.