Amakhosi afundiswe ibhola simahla yiChippa United!

UDan Malesela evuyela igowuli. Umfanekiso: BackpagePix

Iqhayiya leMpuma Koloni – iiChilli Boys – libethe iKaizer Chiefs ebidaphudaphu okwenyama yedada ngo’3-1 namhlanje kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obumhle ngendlela emangalisayo eNelson Mandela Bay Stadium kwimizuzu embalwa edlulileyo.

Amagowuli amabini afakwe nguLerato Manzini obetshisa bhe kwisiqingatha sesibini nelinye elifakwe nguTshwarelo Bereng ngawo aqinisekise impumelelo yeChippa United ngale ntlwa.

Eli qela lizinze eBhayi liye kulo mdlalo lingaphumelelanga nomnye kwimidlalo esibhozo eliyidlalileyo – kodwa umqeqeshi uDan Malesela uxelele ilizwe phambi kwalo mdlalo ukuba lo nto iyaphela namhlanje.

Abadlali beChiefs abadlale ngokungathi banombathalala balibeke esichengeni ikamva likaSteve Komphela ongafunwayo ngabalandeli.

Isiqingatha sokuqala siqale kakuhle macala omabini – kodwa konakele ngomzuzu weshimi elinesine ngethuba uSiphiwe Tshabalala evalela ibhola emnatheni.

Ubu-athalala obenziwe ngabadlali beChippa United emva – yenye yezinto akhale ngayo uDan Malesela phambi komdlalo.

Emva kwegowuli, iiChilli Boys, zizamile ukuhlasela zisebenzisa amaphiko – kodwa uSiyanda Xulu noBrilliant Khuzwayo bakwazile ukuzichitha ezobhola.

Uphinde wakhaba kwakhona uTshabalala ekude kweli ityeli, ufike unozinti weChippa, uDaniel Akpeyi, eyilindile.

Ukuba ibilisebenzisile ithuba layo iChippa United, ngeyikwazile ukufumana igowuli lokulinganisa; uThembinkosi Lorch uhle nebhola ekunxele, wayifaka emhlabeni weChiefs – kodwa yafika kungekho mdlali weChippa ibhola.

Abona badlali beyincedileyo iChiefs kuhlaselo lwayo nguGeorge Maluleka, Tshabalala no-Edmore Chirambadare. Yona iChippa ibixhathise ngoThamsanqa Sangweni encediswa nguSandile Zuke esiswini.

UDan Malesela ukhuphe uDavid Zulu kwisiqingatha sokuqala, wafaka uBuyani Sali kubonakala ukuba ukhangela indlela yokugqobhoza udonga lwasemva lweChiefs.

Usiqale kakuhle isiqingatha sesibini iChippa, ihlasele ngamandla futhi iphantse yawenza umonakalo kwimizuzu elishumi yokuqala.

Ubhola entle ebigotywe nguMaluleka udlale ngayo uGeorge Lebese enethuba lokuyilungisa kude-kufuphi nonozinti.

UKhuzwayo uchithe intambula yebhola ebikhatywe kakuhle kakhulu nguMac van Heerden. Ngomzuzu wamashumi asixhenxe uManzini ufake igowuli lokulonganisa. Khange kuphele nomzuzu yafaka elinye iChippa.

UJoseph Molangoane ufumene umdlalo wakhe wokuqala kwiChiefs emva kokungena endaweni kaLebese. Kanti kuqala u-Edward Manqele ungene endaweni kaMichelle Katsvairo.

Ukungela kukaSali ibelikhubalo ngoba iChippa United uquqe ayayeka kumhlaba weChiefs futhi inyanzela abadlali ukuba benze iimpazamo.

UManzini ufake elesithathu igowuli kwakhala abalandeli Chiefs ebaleni. Nangona iChippa iye ekhefini ihamba phambili, kwesesibini isigaba khange ikwazi ukudlala ngendlela yayo ngoba ibiyonganyelwe ngokupheleleyo yiChippa United.