Amakhosi agxeleshe impumelelo ekhaya emdlalweni weCAF Champions League

UDumisani Zuma ngumdlali weKaizer Chiefs. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Amandla weKaizer Chiefs aza kuvavanywa kwakhona xa idibana neqela laseTanzania elisokolisayo, iSimba Sport Club, emdlalweni weCAF Champions League ngentsimbi yesithandathu ngorhatya lwanamhlanje eFNB Stadium. Emva kokubambana neHoroya ngo’2-2 ebaleni layo kwinyanga ephelileyo, Amakhosi agxeleshe impumelelo ekhaya phambi kokuya emdlalweni wesibini eBenjamin Mkapa Stadium. Ukuba akakwazanga ukuphumelela namhlanje, indlela yawo iya kuba nzima kakhulu ngoba iSimba iza kudlala phambi kwabalandeli bayo eTanzania kwiveki ezayo. Xa kudlalelwa kowayo iSimba, idume ngokwenza imikhwa ethi iphazamise kakhulu iingqondo zabadlali bamanye amaqela.

Yiyo lo nto umdlali weChiefs, uDumisani Zuma, 25, esithi eyona nto efunekayo kukufaka amagowuli amaninzi emdlalweni wanamhlanje apha eMzantsi Afrika ngoba uyazi ukuba izinto ziza kujika eTanzania. “Siyilungele imidlalo yesigaba esikuso ngoku. Siyazi ukuba ngeke kubelula – kodwa into efunekayo kukuphumelela ngamagowuli amaninzi xa sidlalela endaweni yethu,” utshilo uZuma. Amakhosi aya emidlalweni yamaqela asibhozo kwiCAF Champions League ebukhuthazeka emva kokudlala kakuhle emdlalweni ogqithileyo nangona kukubi kweDStv Premiership,” utshilo uZuma, owangena wenza umahluko emdlalweni ogqithileyo.

“Ukuba singafumana amagowuli amaninzi emdlalweni wethu, sakube siziphungulela umthwalo phambi kokuya kwiSimba S.C. Nangona sidlale neSwallows ngoLwesithathu ogqithileyo (kule veki) – kodwa siyayazi ukuba imidlalo yePSL neCAF Champions League ayifani. Sizamile ngethuba sidlala neSwallows, izinto azasihambela kakuhle. Into endiyithandileyo kukuba asibethwanga. Siza kuzama ukuthatha apho sayeka khona emdlalweni wethu neHoroya. Kuyasivuyisa ukuba kwesi sigaba seChampions League ngoba zange yayenza lo nto iChiefs ngaphambili. Sizimisele ukudlulela kumjikelo olandelayo. Asizanga kongeza manani kolu khuphiswano,” uvale ngaloo mazwi uZuma kwikhasi lomnatha leChiefs.