Amakhosi ajongana nengxaki ngomso

Akusekho nto enokuyenza iKaizer Chiefs kule isizini kwicala lokufumana indebe. Lo nto yamkelwe eNaturena ukuqala kusihlalo, uKaizer Motaung, ukuya kubalandeli.

Le yenye yeesizini ezingahambanga kakuhle kuyo. Zininzi izizathu ezichazwayo, bambi bathi ngumqeqeshi, abanye bathi kukungabikho kwabadlali abasemgangathweni. Kodwa okuxolisa abalandeli kukuba uMotaung uzimisele ukwenza utshintsho kwisizini ezayo.

Amakhosi abambene neBlack Aces ngo’1-1 kumdlalo obuseMbombela Stadium ngoLwesibini. Isixhenxe ngoku imidlalo iChiefs ingaphumeleli mdlalo. Ngomso iChiefs yamkela iintshaba zayo ezinkulu i-Ajax Cape Town kumdlalo ozakuba ngentsmbi yesibhozo ebusuku eFNB Stadium.

Ngumdlalo encwase ukutshintsha izinto kuwo nanjengoko kunyanzalekile iphumelele ukuba ifuna ukuyifumana indawo yesithathu. “Isizini ayikapheli, kodwa ngenxa yendawo esikuyo ngoku, amandla asinawo okufumana indebe. Kungafuneka amanye amaqela aphulukane nemidlalo ukuze kubekho ithemba kuthi,” utshilo uSiphiwe Tshabalala izolo. Njengayo nayiphina inkokeli, uShabba, uyayazi into yokuba akusekho nto iqela lakhe elinokuyenza ngoku.

IAjax xa idlala naMakhosi, ithanda ukuwakolisa ixesha elininzi. Phakathi evekini, uNathan Paulse uthe, akukho nto bayoyikayo [beyi-Ajax] kwiChiefs. La maqela agqibela ukudlala omabini mhla iChiefs yabethwa ngo’1-0 yi-Ajax kwiMTN 8 eBhayi kunyaka ophelileyo.

Iqela laseMpuma Koloni, iChippa United, lityelela iPolokwane City ebethwe yiMamelodi Sundowns ngoLwesithathu. Iinjongo zeChilli-boys kukufumana indawo ephuzulu kwiPSL kule sizini.

Imidlalo:

Maritzburg United vs Black Aces @ Harry Gwala; Golden Arrows vs Orlando Pirates @Moses Mabhida; Polokwane City vs Chippa United @ Old Peter Mokaba; Bidvest Wits vs Free State Stars @Bidvest; P. Stars vs SuperSport United @Royal Bafokeng; Bloem Celtic vs Tuks @Dr. Molemela.