Amakhosi akazimiselanga kumncama uRusike

Amakhosi akazimiselanga kumncama umdlali weMaritzburg United, * -Evans Rusike, ekuvakele ukuba izikhulu zeTeam of Choice azizimiselanga kwaphela ukumkhulula ahambe.

Isolezwe live iindaba ezithi maninzi kakhulu amathuba okuya kwalo mdlali kwiKaizer Chiefs phambi kwesiqalo sesizini ka’2016/17.

IiGlamour-boys zityikitye inqwaba yabadlali abatsha kwiiveki ezimbini ezidlulileyo, kodwa umanejala, uBobby Motaung, uthe basekhona abanye abadlali abasezayo.

Njengokuba iChiefs ifuna uRasike ozalelwe eZimbabwe, sele inabadlali abafana noLewis Macha waseZambia, Edmore Chirambadare, Mitchel Katsvairo noWilliam Katsande baseZimbabwe noCamaldine Abraw waseTogo ezincwadini zayo.

Ngokomthetho wePremier Soccer League iqela ngalinye livumeleke ukubhalisa abadlali abahlanu kuphela abaphuma ngaphandle kwelizwe loMzantsi Afrika.

Lo mdlali ofunwa yiChiefs wanceda kakhulu iMaritzburg United ngokufaka amagowuli abalulekileyo nabenalo igalelo ekusindeni kwayo ezembeni kwisizini ka’2015/16. ekupheleni kwesizini, uRusike, uchongwe njengoyena mdlali oqaqambileyo kwisizini edlulileyo waphinda wafaka amagowuli amaninzi.

Nangona usihlalo weMaritzburg, uFarook Kadodia, wathi akazimiselanga kuthengisa abadlali beqela lakhe,kodwa iingxelo zithi iingxoxo phakathi kwakhe neChiefs sezihlabele mgama.

Ngoba ezi izindaba zakwamkhozi, umdlali uyalelwe ukuba angathethi namajelo eendaba kude kusongwe iingxoxo.

“URusike uyafunwa yiChiefs. Kwiveki ezayo kukhona okunokwenzeka ngoba iChiefs ayizimiselanga kumncama lo mdlali. Kusele nje izikhulu zimkhulule lo mdlali futhi kubonakala ngathi kuyogqibela imfumene iChiefs,” utshilo osemfuthweni wolwazi kwiTeam of Choice.

Isithethi seMaritzburg, uBrian Zuma uthe: “URusike uqalile ukuzilolonga nabanye abadlali futhi akayi ndawo.” Imizamo yokufumana umanejala kaRusike, uMike Makaab, iwe phantsi.

isibhalo@inl.co.za