Amakhosi akhalela amathuba aphosiweyo kwakhona emdlalweni obuseFNB Stadium

IKaizer Chiefs ibambene neRoyal Am emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eFNB Stadium namhlanje ngorhatya. Umfanekiso: KC/Fabook

Ushiyeke ekhalela amathuba uMolefi Ntseki emva kokuba iqela lakhe liyeke amathuba acacileyo emdlalweni. Amakhosi abambene ngeqanda neRoyal Am emdlalweni weDStv Premiership obumhle eFNB Stadium ngokuhlwa kwanamhlanje. Emva kokungadlali kakuhle kukaMduduzi Mdantsane noTebogo Potsane emdlalweni ogqithileyo, uNtseki ukhethe ukuqala umdlalo ngefolosi yakhe entsha noJasond Gonzalez noGeorge Motlou. Bekubalulekile ukuphumelela kuwo omabini amaqela phambi komdlalo wanamhlanje ngoba ebefuna ukunyukela phezulu kwiDStv Premiership. Njengeqela ebelidlalela ekhaya, iChiefs iqale yahlasela ngo-Ashley Du Preez ophantse wayifaka engxakini iRoyal Am.

Ngoba iRoyal ibidlalela ukungabethwa, uDu Preez uphose elinye ithuba lokohlwaya iRoyal Am ngebhola ayifumene kuYusuf Maart sekungekho nozinti ezipalini. Phambi kokusongwa kwesigaba sokuqala, uEdison Castillo utsale imbumbulu yebhola ekude – kodwa ngelishwa lakhe, ibhola ibethe epalini yaphuma ecaleni. Umdlalo unike umdla ngakumbi kwisigaba sesibini ngoba amaqela aye phambili efuna ukufaka amagowuli. Emva kokuganya kuso sonke isigaba sokuqala, uBrandon Petersen uye wavala ibhola embi ebikhatywe kakuhle ngumdlali weRoyal Am. Adlale kakuhle Amakhosi ehlasela ngokufanayo nakwisigaba sokuqala – kodwa into ebe nzima kuwo kukufaka amagowuli emnatheni.

Ukungena kukaMduduzi Shabalala noChristian Saile kwenze umahluko. Unozinti weRoyal Am uvale ibhola entle ebizanywa nguShabalala endaweni eyingozi. Kodwa elona thuba ebelicacile leliphoswe nguDu Preez kwakhona sekusondele ixesha lokuphela komdlalo. UNtseki ubalule ukungasetyenziswa kakuhle kwamathuba njengeyona nto ethe yavimba iqela lakhe impumelelo yesithathu emdlalweni wanamhlanje. Amakhosi aza kudibana neSuperSport United emdlalweni ongoLwesithathu. UJonh Maduma uzamkele ngovuyo iziphumo zomdlalo wakhe ngoba iqela lakhe belingadlaleli ekhaya. Inqaku elinye ulamkele ngoba iqela lakhe lizama ukubamba igiya enamandla emva kokuba liyiqale kakubi isizini.