Luncumo lodwa kwiGolden Arrows ngale njikalanga emva kokuba izuze amanqaku abalulekileyo. Amakhosi abuyela ekhaya eqhwalela emva kokukhatywa ngaBafana Bes’thende abaphumelele ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium.
Umdlalo udlalwe ebunzimeni ngoba ibala belimanziswe yimvula enethuba elide isina kwiphondo laKwaZulu-Natal. Amakhosi aye emdlalweni ekhangela impumelelo kwakhona emva kokubetha iStellenbosch Phakathi evekini.
Izinto aziyihambelanga kakuhle iKaizer Chiefs ngenxa yokungakwazi kwayo ukusebenzisa amathuba. Abafana Bes’thende bebedlala phantsi koxinizelelo kwisigaba sokuqala ngoba yiChiefs ebinamandla futhi ilawula umdlalo.
UMduduzi Shabalala noWandile Duba bazamile – kodwa ngabo abangakwazanga ukusebenzisa amathuba acacileyo emdlalweni. Siphelile isigaba sokuqala kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodoni. Kodwa ziye zatshintsha izinto kwisigaba sesibini ngethuba uGladwin Shitolo efaka igowuli ephumelele ngalo iGolden Arrows.
Isigaba sesibini besonganyelwe yiGolden Arrows. Amakhosi asokole futhi bekunzima kuwo ukudlalela ebaleni elimanzi. Kuye kwabhetele kuwo emva kokufakwa kwabadlali abafana noMmodi, uNgcobo noFrosler.
Nangona ikwazile ukuya phambili – kodwa iwayekile amathuba okuphumelela umdlalo ekhona emdlalweni. UWateng wenze umahluko omkhulu ezipalini zeGolden Arrows enyukele kwindawo yesihlanu esuse kuyo iChiefs ehlele ezantsi kwindawo yesithandathu.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro