Amakhosi akhulule uCaleb, atyikitya ifolosi yaseColombia!

UCaleb Bimenyimana uhambile kwiKaizer Chiefs izolo. Umfanekiso: CK/Facebook

Emva kokukhulula uCaleb Bimenyimana izolo emalanga, namhlanje Amakhosi abhengeze ukuba atyikitye uEfmamjjasond Gonzalez Palacios ngentsasa yanamhlanje. Sekuziiveki eziliqela kuvakala ukuba Amakhosi afumene ifolosi yaseColombia ngemboleko kwiqela laseBolivia ekuthiwa yiReal Santa Cruz. Into ebambazele ukugaleleka kwakhe uPalacios kwilizwe laseMzantsi Afrika ngoku ngamaphepha okusebenza ekufuneka awalungiselelwe phambi kokuba alinikele umva iqela lakhe. “Nangona isizini seyiqalile, iKaizer Chiefs iqhubela phambili nozisa abadlali abaza kuyiqinisa. Sazisa ukutyikitywa kuka-Efmamjjasond Gonzalez Palacios osuka kwilizwe laseColombia,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiChiefs ngentsasa yanamhlanje.

Ifolosi entsha esuka kwiSanta Cruz iza kufika ezithendeni zomnye umdlali waseColombia ogama linguLeonardo Castro oyishiye iChiefs kunyaka ophelileyo. UPalacios ngumdlali wesibini kule isizini kwiChiefs osuka kwilizwe elisemazantsi weMelika. Omnye nguEdson Castillo waseVenezuela – ofike wenza ezibukwayo emidlalweni yokuqala yesizini entsha. Amakhosi anethemba lokuba uPalacios uza kuqhuba kakuhle njengoCastillo owancede emdlalweni weMTN8 kwimpelaveki egqithileyo. Okucacileyo kukuba ngokuhamba kukaBimenyimana bekuvulela isithuba uGonzalez Palacios ukuze konele inani labadlali bamanye amazwe enabo iChiefs.

Ifolosi yaseBurundi ikubulele ukukhululwa kwayo yiChiefs. UBimenyimana uhamba efake amagowuli asibhozo emidlalweni engamashumi amabini ananye ayidlalileyo kwiChiefs. Noxa efake loo magowuli kwisizini egqithileyo, kukhe kwakho iingxelo ezithi akonwabanga emva kokuxelelwa ngu-Arthur Zwane, obengumqeqeshi kwisizini egqithileyo, ukuba akasafuneki kwiChiefs phambi kwabanye abadlali ejimini. “Bekunzima ukuthatha isigqibo – kodwa kuye kwanyanzeleka,” utshilo uCaleb Bimenuinama ku-Instagram emva kokukhululwa kwakhe. “Konke endingakuthethayo kukuba ndibulela uMdali. Umthandazo wam uphendulwe kwaye ndiziva ndikhululekile,” utshilo uCaleb, ongalifumananga ithuba phantsi kukaMolefi Ntseki ongene endaweni kaZwane phamtsi kokuqala kwesizini eqhubekayo.