Amakhosi alahlekelwe ngamanqaku apheleleyo ngomzuzu wokugqibela

Cole Alexander (r) celebrates goal with teammate Terrence Dzvukamanja of Bidvest Wits during the Absa Premiership 2019/20 match between Kaizer Chiefs and Bidvest Wits at the Orlando Stadium, Soweto on the 12 August 2020 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

UCole
Alexander uwohluthe intlaka emlonyeni Amakhosi ngomzuzu wokugqibela emdlalweni
we-Absa Premiership obubanjelwe e-Orlando Stadium ngokuhlwa kwanamhlanje. IKaizer
Chiefs iphise ngawo umdlalo sele usesandleni emva kokuyeka iBidvest Wits yafaka
igowuli lokulinganisa emdlalweni ophele iligowuli elinye macala (1-1). Amakhosi
ebedlala okokuqala ukusukela oko kwanqunyanyiswa isizini yePSL ngenxa yekhorona
kwinyanga yoKwindla ekuqaleni konyaka. Kanti yona iWits ibethwe yiMamelodi
Sundowns ngo’3-2 emdlalweni weNedbank Cup kwimpelaveki egqithileyo. Omabini
amaqela aye emdlalweni efuna ukuphumelela – kodwa yiChiefs eyona ebiphantsi
koxinizelelo kuba ihleli phezulu kwaye ikhangela amanqaku anokuyibhekelisa kwiSundowns
efuthela emagxeni. Ekuqaleni kwesigaba sokuqala, uLeonardo Castro uzamile
ukufaka ibhola emnatheni – kodwa uRicardo Goss ebethe qwa ezipalini. Kuyiwe
kwixesha lokuphumla iChiefs ihamba phambili ngegowuli elifakwe nguSamir Nurkovic
ngentloko.

Amaqela
omabini adlale umdlalo omhle noxa umdlalo ibingenguwo oqhelekileyo – kodwa yiChiefs
eyona ibihlasela kakhulu nedale amathuba angcono emdlalweni. Inyuse umxakatho
iWits kwisigaba sesibini, ibonakala okokuba ikhangela igowuli. UDeon Hotto
noCole Alexander ngabona badlali abe beyingozi futhi belawula umdlalo esiswini.
Kuthe kwakubonakala ukuba kunzima, u-Ernst Middendorp ufake uDumisani Zuma
ofike wanyusa isantya somdlalo. Nangona ifuthe lakhe livakele – kodwa uye
wabekelwa kude kwiindawo eziyingozi ngamadoda weBidvest Wits afana noThulani
Hlatshwayo noMkhwanazi emva. Ibe nelishwa iChiefs ekuzeni kuphela komdlalo
ngethuba ibhola ebikhatywe nguNurkovic ibetha epalini. Konke okuzanywe yiChiefs
kuye konakala ngethuba iyeka uCole Alexander ofake igowuli eyiphosanise
namagowuli amathathu emdlalweni wanamhlanje. ISundowns inethuba lokuvala
umsantsa emdlalweni ongempelaveki ukuba ingaphumelela.