Amakhosi aliphumelele idabi lomdlali waseMadagasca!

Andriamirado Dax Andrianarimanana ngumdlali weKaizer Chiefs. Umfanekiso: KC

Umqeqeshi
weKaizer Chiefs, uGiovanni Solinas, uncumile emva kokuba umdlali waseMadagasca
ogama lingu-Andriamirado “Dax” Andrianarimanana enikwe ilungelo elipheleleyo
lokudlala eMzantsi Afrika. Le ndedeba yelizwe lasebumelwaneni ayibhaliswanga
yiChiefs phambi kokuvulwa kwesizini ngoba iFosa Juniors – iqela ebikade iyidlalela
eMadagasca – yabanga ngelithi ngumdlali wayo kwaye inesivumelwano sengqesho nayo.
Kwelayo icala iChiefs ibime ngelithi uDax unalo ilungelo lokuzikhethela iqela
afuna ukulidlalela ngoba ebengadlaleli iqela elikwinqanaba eliphezulu
ngokomgangatho wehlabathi.

Emva
kokudlala kakuhle kwitumente ebilapha eMzantsi Afrika, uDax watyikitywa
yiChiefs – kodwa iFosa Juniors zange ivume ukumkhulula. Lo nto yanyanzela
iChiefs ukuba ibhenele kwiFIFA. Emva kwemini izolo, Amakhosi abhengeze okokuba
anikwe ilungelo lokumbhalisa umdlali. “Umdlali wethu wasesiswini unikiwe
ilungelo lokudlalela Amakhosi ngumbutho olawula ibhola – iFIFA. Umbutho webhola
ugqibe kwelokuba ugunyazise iSAFA ukuba imbhalise umdlali ngokusesikweni ngoko
nangoko. Siyavuya lo mba ude wasonjululwa. Okubalulekileyo kuthi kukuba umdlali
uza kudlala ngoku,” utshilo uBobby Motaung kwingxelo epapashwe kwikhasi
lomnatha izolo.

Njengokuba
uSolinas ekhangela impumelelo yakhe yokuqala kwimidlalo yePSL, uDax
angayinxalenye yeChiefs xa indwendwela iCape Town City kumdlalo oseKapa emalanga
ngoMgqibelo. UDax, 27, kulindeleke akhuphisane nabadlali abaphambili kwiChiefs
abafana noGeorge Maluleka noSiphelele Ntshangase – oyibetheleleyo indawo yakhe
esiswini phantsi kukaSolinas. Ukuba Amakhosi angaphumelela kumdlalo ozakube
ungoMgqibelo – lo nto ingaphungula uxinizelelo olusemagxeni womqeqeshi emva
kokuphuma kweqela lakhe kwiMTN 8 kutshanje.