Amakhosi amkhulule umncedisi kaSteve Komphela

John Paintsil,(l) assistant coach and Steve Komphela,(r) coach of Kaizer Chiefs during the Absa Premiership match between Bidvest Wits v Kaizer Chiefs at the Bidvest Stadium in Johannesburg, South Africa on August 23, 2016 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Eziphuma eNaturena iindaba zithi uJohn Paintsil – obesebenza kwiKaizer Chiefs njengesekela-mqeqeshi isithuba esisondele enyakeni – ukhululwe emsebenzini wakhe. Ukuhamba kweli tyendyana laseGhana kubhengezwe kwingxelo eyenziwe ngembalelwano.

UPaintsil ufike kwiChiefs kwinyanga yeKhala kunyaka ophelileyo ezokusebenza njengesandla sasekhohlo sikaSteve Komphela. Le ndedeba yabeka phantsi njengomdlali webhola ekhatywayo kwisizini ka’2015/16 emva kokudlalela iMaritzburg United apha eMzantsi Afrika. Kanti ngaphandle kokudlalela iTeam of Choice, uPaintsil ubelilungu eliqinileyo leqela lesizwe lebhola ekhatywayo laseGhana. Nangona eyindoda eyaziwayo – kodwa ukunyuselwa kwakhe yiChiefs njengesekela likaKomphela emva konyaka omnye eyekile ukudlala ibhola kwadala ingxoxo-mpikiswano enkulu kakhulu eMzantsi Afrika.

“IKaizer Chiefs noJohn Paintsil bafikelele kwisigqibo sokuqhawula isivumelwano sengqesho ukusukela ngomhla wethandathu kule nyanga yeSilimela ka’2017. Isivumelwano sakhe uPaintsil besizakuphelelwa kwinyanga yeSilimela ka’2018. Amacala omabini avene ngalo mba – kodwa ke iinkcukacha zizakugcinwa ziyimfihlo. Siliqela siyalibulela igalelo alenzileyo,” itshilo iChiefs.

Ukuhamba kukaPantsil kulandela ubufede beChiefs kwisizini ephelileyo engafumananga nenye indebe kuyo. Kwiveki ephelileyo, uKaizer Motaung, uyibeke yacaca ukuba abantu abanomsebenzi ongacacanga kakuhle (kwiChiefs) bazakukhululwa liqela lakhe. Omnye wabadlali ekuvakala ukuba usendleleni nguSiphelele Mthembu. UMthembu wafika kwiChiefs kwiminyaka emibini edlulileyo kukho ithemba lokuba angalulutho. Ngelishwa kwimidlalo engaphaya kwamashumi amathathu ayidlalileyo, mahlanu qha amagowuli awafakileyo.