Amakhosi amncamile uYeye

Eli phephandaba lipapashe inqaku ngomhlaba osele uhanjiwe yiKaizer Chiefs noReneilwe Letsholonyane kwicala leengxoxo ngesivumelwano esitsha.

Izolo uhili uphumile ezingcongolweni. Amakhosi abhengeze kwikhasi lonxibelelwano, uTwitter, iindaba ezithi uYeye uyahamba.

Emva koko kuvakelele iindaba ezithi lo mdlali uthathwe yiSuperSport United kwayizolo.

Umphathi weChiefs, uBobby Motaung, uthe konke kuxhomekeke kuYeye, bakwenzile okufunekayo.

UStuart Baxter uyibeke yacaca kwiveki ephelileyo into ethi angavuya ukufumana uYeye neReyaad Pieterse. Kuyabonakala iingxoxo beziqhuba ecaleni.

Bobabini aba badlali bohlukene neChiefs, kwaye kunokwenzeka bobabini baphelele kwiSuperSport.

Ngoba uYeye ekwiminyaka yakhe yokugqibela ekudlaleni ibhola, kuyabonakala ukuba zininzi izinto ezimtsalileyo kwiSuperSport ezibangele akhethe yona.