Amakhosi akhuphe isaziso namhlanje esithi amsikile okwethutyana uDumisani Zuma ade afumane ithuba lokuvela phambi kwekomiti yoluleko. Konke oku kuza emva kokubanjwa kukaZuma ngezityholo ezithi uqhube imoto ephantsi kwempembelelo yotywala. Ngokweengxelo zamajelo eendaba, uZuma ubanjwe ngamapolisa ezithe mfoo ngomdiliya omfaxangiweyo eSandton, eGoli, kwiintsuku ezidlulileyo. UZuma, 26, unexesha elide engasadlali ngenxa yokonzakala obekumphethe mbengwane. Iindaba zokunqunyanyiswa kwakhe zivela enethutyana ebuyele enkampini yeKaizer Chiefs, eNaturena – apho ebeziqeqesha nabanye abadlali phantsi kweliso likaStuart Baxter.
“SiyiKaizer Chiefs sifuna ukuvakalisa ukuphoxeka kwethu ziingxelo zokungaziphathi kakuhle kukaDumisani Zuma ezivele kumajelo eendaba. Abaphathi bagqibe kwelokuba bamsike okwethutyana kuzo zonke iinkqubo zeqela kude kuqoshelishwe inkqubo yoluleko. Ukusikwa kwakhe kubalulekile ngoba kunika amacala omabini ithuba lokufumana isisombululo ngokukhawuleza,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiChiefs. UZuma ugqibele ukubonakala kakuhle kwiChiefs ngethuba idlala iCAF Champions League kwiinyanga ezidlulileyo. Kukho iingxelo ezithi angakhonjwa emnyango yiChiefs xa kunokuthi kanti unetyala. Kodwa ezo ziingxelo ezingaqinisekiswanga yiqela lakhe.
Iphuncule amanqaku amathathu iChippa United emdlalweni obuseMonti!