Amakhosi angafakwa engxakini yiDowns

Abalandeli bebhola ekhatywayo bazakufumana ithuba elinqabileyo lokubukela iintshatsheli ze-Afrika, iMamelodi Sundowns, ziswantsulisana neKaizer Chiefs ezama ukubuyisa isidima sayo kumdlalo we-Absa Premier Soccer League, eLoftus Stadium, ngoMgqibelo ngo’15:30.

Emva kokuxakekiswa yiCaf Champions League, iDowns, idlale imidlalo emithathu qha – kule veki yamkela Amakhosi kowona mdlalo ekucingeleka ukuba ungamisa ilizwe ngenxa yokugxeleshana kwala maqela.

Omabini la maqela akhutshiwe kwiTelkom Knockout – nto leyo ithetha ukuthi azakusebenzisa lo mdlalo ukubuyela kwisimo sawo.

Nangona inemidlalo embalwa eyidlalileyo iDowns – kodwa kulo mdlalo ifuna amanqaku apheleleyo ukuze isuke kwindawo yesibini emsileni kwaye izakufuna ukusukela amaqela aphambili ukuze ikwazi ukukhusela indebe yayo ekupheleni kwesizini.

Kanti yona iChiefs ukuba ingaphumelela ukubetha iSundowns, kungakhula ukuzithemba kubadlali, kwaye kungenzeka ukuba ibuyele phezulu kwiPSL emva kokuphazamiseka kwimidlalo emibini edlulileyo.

USteve Komphela uwadinga kakhulu amanqaku amathathu ngoba kukho uxinizelelo emagxeni akhe emva kokukhutshwa kweqela lakhe kwiMTN8 neTelkom kule sizini.

Lo mdlalo uzakuba nomtsalane kuba aba baqeqeshi kulindeleke babonise ubukrelekrele babo bokuqeqesha kulo mdlalo. Ukuphumelela komnye kubo kuyakuthetha lukhulu emehlweni wabantu abalandela ibhola, kuthumele nomyalezo ocacileyo kwamanye amaqela.

Enye yezinto ekulindeleke ukuba yenze lo mdlalo ube mnandi kukudlala kukaRamahlwe Mphahlele okokuqala kumdlalo ophakathi kwala maqela emva kokushiya kwakhe iSundowns ekupheleni kwesizini.

Amasandawana asakufuna ukubonwa njengelona qela linobunganga eMzantsi Afrika emva kokuphumelela iCaf Champions League. Kwelinye icala iChiefs iya kule midlalo iqhuba kakuhle kwimidlalo yePSL.

Ukufumana kwayo amanqaku amathathu yeyona nto ibalulekileyo kwiChiefs. Zezo zinto zincinane ezizakuthi zenze lo mdlalo ubenomtsalane ebantwini.

Mgqibelo:

Baroka FC vs SuperSport United @New Peter Mokaba Stadium 15:30; Chippa United vs Cape Town City @Nelson Mandela Bay Stadium 15:30; Orlando Pirates vs Free State @Orlando Stadium 18:00; Ajax Cape Town vs Maritzburg United @Cape Town Stadium 18:00; Platinum Stars vs Bidvest Wits @ Bafokeng Stadium 20:15. NgeCawe: Bloem Celtic vs Polokwane City @Dr Molemela 15:30; Highlands Park vs Golden Arrows @Makhulong Stadium 15:15