Amakhosi angcwabe Abafana Bes’thende kumdlalo weNedbank Cup

Ryan Moon of Kaizer Chiefs challenged by Nkanyiso Mngwengwe of Golden Arrows during the 2018 Nedbank Cup Last 32 match between Kaizer Chiefs and Golden Arrows at FNB Stadium, Johannesburg South Africa on 11 February 2018 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Amkhosi
angene engqawuza kumjikelo wesibini weNedbank Cup emva kokungcwaba Abafana Bes’thende
ngamagowuli amathathu eqandeni (3-0) kumdlalo obumhle eFNB Stadium ngale
njikalanga yanamhlanje. Amagowuli weKaizer Chiefs angene kwisigaba sesibini
somdlalo abantu sebefuna ukupelelwa lithemba, efakwa nguRyan Moon, uBernard
Parker ongene kwisiqingatha sesibini noJoseph Molangoane. Kumqeqeshi ophantsi
koxinizelelo njengoSteve Komphela, le mpumelelo ngumtsi obalulekileyo ngoba
ukhuphiswano luya kuvutho ndaba. Omabini amaqela ebenawo amathuba oneleyo okuwusonga
lo mdlalo – kodwa ukuxhamazela kwabadlali beGolden Arrows phambi kweepali kubangele
ingakwazi ukuwasebenzisa loo mathuba.

Isiqingatha
sokuqala besithande ukukekelela kwi-Arrows. Amakhosi abuye edlala umdlalo
ongcono kwisigaba sesibini. UKomphela uqale umdlalo ngoRamahlwe Mphahlele,
uSiphelele Ntshangase noLeonardo Castro abangaqhelanga kuyiqala imidlalo. UWillard
Katsande ebengoyena mdlali oxakekileyo esazulwini sebala njengesiqhelo. UShongwe
noMahachi ngabanye babadlali abazamileyo ukuyivula iChiefs – ngelishwa labo
uKhune ebekhawuleza avale amazibuko. UKnox Mutizwa uzamile ukunkqonkqoza
kwiipali zeChiefs – ibholayakhe ifike uKhune ethe qwa.

Emva kokuba
uKomphela efake uHendrick Ekstein emdaweni kaNtshangase kuye kwakho umahluko. Ubukho
bukaParker noSiphiwe Tshabalala kuyivuselele iChiefs yatsho yafumana amandla
okuyicishilela ngakumbi iGolden Arrows. Ngaphandle kwamthandabuzo uKomphela
uyamkele impumelelo eze neqela lakhe namagowuli – kodwa kusafuneka ayibethelele
kubadlali bakhe into yokuwasebenzisa ngobunono amathuba avelayo emdlalweni. Komnye
umdlalo weNedbank, iqela laseMpuma Koloni, i-EC Bees, libethe iMariveni United
ngo’3-1 kumdlalo obubanjelwe e-Old Peter Mokaba Stadium.

 

Kaizer Chiefs: Khune, Cardoso, Mphahlele, Hadebe,  Zulu,
Molangoane, Katsande, Meyiwa, Ntshangase, Moon, Castro.

Amalalela: Khuzwayo, Parker,
Tshabalala, Mathoho, Jayiya, Ekstein, Malope.

Golden Arrows: Mbaeva, Mzava, Mngwenge, Buthelezi, Nonyane,
Zuke, Conco, Shongwe, Mahachi (Sibiya 18′), Ndwandwe, Mutizwa.

Amalalela: Naicker, Mathiane, Bilankulu, Chideu, Sibiya,
Dlamini, Yappie.