Amakhosi angcwabe iZimamoto ngemvula yamagowuli eNelson Mandela bay Stadium

Lebogang Manyama of Kaizer Chiefs ,Khama Billiat of Kaizer Chiefs and Siphosakhe Ntiya-Ntiya of Kaizer Chiefs celebrate a goal during the 2109 CAF Confederations Cup game between Kaizer Chiefs and Zimamoto at Nelson Mandela Bay Stadium, Port Elizabeth on28 November © Deryck Foster/BackpagePix

Abuyele ngesitayile Amakhosi kwimidlalo yeCaf Confederation Cup ngokuzibethela iZimamoto
ngemvula yamagowuli amane eqandeli (4-0) emdlalweni obumhle eNelson Mandela Bay
Stadium ebusuku namhlanje. UKhama Billiat ufake amagowuli amathathu eyedwa kwamane
Amakhosi ayingcwabe ngawo iZimamoto ebizama ukudlala ibhola noxa ibingenabo
amandla wokumelana neKaizer Chiefs. UKabelo Mahlasela uzifakele elakhe igowuli
kwiZimamoto ebidaphudaphu kwisigaba sesibini. UHendrick Ekstein ongene
kwisigaba sesibini uwenzile umahluko emdlalweni futhi wancedisa kwigowuli
lesibini elifakwe nguBilliat. Umqeqeshi weChiefs, uGiovani Solinas, wenze
iinguqu eziliqela kwiqela labadlali aqhele ukulidlalisa. Ezipalini unike ithuba
uVirgil Vries; phambi kwakhe bekudlala uTeenage Hadebe, uErick Mathoho noSiphosethu
Ntiya-ntiya. Esiswini uWillard Katsande ebebotshwe nesiququ saseMadagasca
esidlale umdlalo ophucukileyo – uAndriamirado Andrianarimanana.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla Amakhosi
enkqenkqeza phambili ngegowuli elinye elifakwe nguKhama Billiat ngomzuzu
wesithandathu umdlalo uqalile. Umdlalo ubulawulwa yiChiefs futhi ibikwayiyo
nevelise amathuba acacileyo emdlalweni. Into abadlali bakaGiovanni Solinas
abangakwazanga ukuyenza kukugalela amagowuli emnatheni amathuba okwenza njalo
ekhona. Nangona iliqela elingenandumasi kangako ebholeni yezwekazi le-Afrika –
kodwa iZimamoto izamile ukuxhathisa saphela isiqingatha sokuqala iChiefs
ingakwazanga ukufumana igowuli lesibini ebilifuna. UDaniel Cardoso noogxa bakhe
emva bakhe benza impazamo embi ethe yalunguswe nguVirgil Vries emva koxinizelelo
olufakwe ngabadlali beZimamoto. UBilliat, uLeornado Castro noLebogang Manyama
bazamile ukunkqonkqoza kwiipali zayo iZimamoto – kodwa iinzame zabo ziwe
phantsi.

IZimamoto ibuye
ekhefini izimisele kakhulu. Abadlali bayo bebetshayela kwanto ephambi kwabo
kwaye benayo nendawo erhabaxa ebadlalini beChiefs. USolinas ufake uHendrick
Ekstein endaweni ka-Andrianarimanana emzuzwini wesihlanu kwisigaba sesibini.
Ngomzuzu wethoba, uBiliat ukhabe intambula yebhola ekude – kodwa ibanjwe lula
ngunozinti weZimamoto, uRamadhan Abdalla. Ngomzuzu weshumi elinesine
kwisiqingatha sesibini, uKhama Billiat wenze adume ngazo ngethuba efaka igowuli
lesibini ethe qelele emva kokudlalelwa ibhola entle ngu-Ekstein noNtiya-ntiya.
UKabelo Mahlasela ubhakuzelise umnatha ngomzuzu wamashumi amabini anesithathu
kwisigaba sesibini emva kwebhola entle edlalwe nguBilliat noLebogang Manyama
esizikithini sebala. Ibathwana labalandeli bebhola ebelixhasa iChiefs ligoduke
lixolile ngenxa yenani llamagowuli afakiweyo emdlalweni.


Kaizer Chiefs: Virgil Vries, Daniel Cardoso, Erick Mathoho,
Teenage Hadebe, Siphosakhe Ntiya-ntiya, Willard Katsande, Lebogang Manyama,
Andriamirado Andianarimanana, Kabelo Mahlasela, Khama Billiat, Leonardo Castro.

Zimamoto: Abdalla Ramadhan, Yussuf Ramadhan Mtuba, Amour
Hati Aussein, Suleiman Said Juma, Mohd Ramadhan Ameir, Hassan Said Hassan,
Hauna Abdalla Jabir, Ibrahim Hamad Ahmada, Nyange Othman Denge, Hafidh Barik
Juma.