Amakhosi angcwatyelwe enkundleni yawo yiChippa United

Thabo Rakhale of Chippa United celebrates goal with teammates during the Absa Premiership 2017/18 match between Kaizer Chiefs and Chippa United at FNB Stadium, Johannesburg on 07 April 2018 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Iqela
laseMpuma Koloni, iChippa United, lingcwabe iKaizer Chiefs ngamagowuli
amathathu eqandeni (3-0) kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obubanjelwe
eFNB Stadium ngale njikalanga. Amagowuli amathathu afakwe nguThabo Rakhale
kwisigaba sokuqala, amabini afakwe nguMxolisi Macuphu no-Edward Manqele ekupheleni
komdlalo kwisigaba sesibini. Ngalo ndlela ibuyisele kwiTop 8 iChippa United
emva kokubethwa ngo’2-0 yiMamelodi Sundowns. Ukuphumelela kweli qela lizinze
eBhayi kuthetha ukuthi loxuthe amanqaku amathandathu onke kwiChiefs kule sizini
emva kokuyibetha kwimidlalo yomibini. Iqela ebelidlalela ekhaya lelona elithe
lafumana amathuba acacileyo namaninzi emdlalweni – kodwa alikwazanga kwade
kwase kugqibeleni ukuwasebenzisa.

Ukubethwa
kwayo iChiefs kuchuthe kwaloo ntlantsana yethemba lokubamba indebe yePSL
ekupheleni kwale sizini ebekade eziqhatha ngayo uSteve Komphela. URyan Moon
ujongene nonozinti weChippa, uDaniel Akpeyi, izihlandlo zade zazibini
emdlalweni – kodwa akukho nto ayenzileyo ngaloo mathuba. ULeonardo Castro,
obegadwe kakhulu nguJames Okwuosa, uzamile ukudala amathuba – ngakumbi ekungeneni
kukaBernard Parker – kodwa nezo iinkquleqhu azincedanga. UKomphela kuye
kwanyanzeleka akhuphe uRamahlwe Mphahlele ngenxa yokwenzakala. Indawo yakhe
ithethwe nguBhongolethu Jayiya oye wakhuthwa naye ungaphelanga umdlalo.

Amakhosi
awulawule umdlalo kwiziqingatha zozibini – into angakwazanga ukuyenza
kukubhakuzelisa umnatha. UMark Mayambela noThabo Rakhale ngabona badlali
abayivukuzileyo iChiefs. Emva kokuphuma kukaMphahlele, uye wasebenzisa kakhulu
icala lasekhohlo uMayambela – ngalo ndlela waqhobosheka uSiphiwe Tshabalala.
UCastro noPule Ekstein badlale ibhola kakuhle ngathuba lithile kwisigaba
sesibini, idibene nentloko kaZuma – kodwa iphume ecaleni kwepali loo bhola.
Umdlali obefudula edlalela iChiefs, u-Edward Manqele, ufake igowuli
lokugqibela.