Aphume enyoshosoza Amakhosi ebaleni emva kokuhlazwa yiMamelodi Sundowns kwakhona. Oku kwenzeke emva kokuba engcwatywe yiSundowns ngemvula yamagowuli amane eqandeni emdlalweni weCarling Knockout Cup obubanjelwe eFNB Stadium ngorhatya lanamhlanje. Inyambalala yabalandeli beKaizer Chiefs igoduke iphoxekile.
Impumelelo yeDowns iyinika ithuba lokuya phambili nelokuphumelela indebe yokuqala kule sizini eqhubekayo. Emizuzwini elishumi yokuqala kwisiqingatha sokuqala, bekuvele kwacaca ukuba iSundowns ikhangela igowuli kwangoko emdlalweni. Ifumene ipenela iSundowns emzuzwini weshumi elinesithathu. UNjabulo Bloem uwise uRibeiro, uRayners wayivalela emnatheni ibhola.
Emva kwemizuzu embalwa, uRayners ubhakuzelise umnatha kwakhona emva kokuba abadlali beChiefs boyiswe kukuchitha ibhola ebigotywe nguKhuliso Mudau kwicala lasekunene. Phambi kokusongwa kwesigaba sokuqala, uPeter Shalulile ufake elakhe igowuli kwacaca gca ukuba akukho nto enokuyenza iChiefs.
Khange ikwazi ukudlala ibhola ecacileyo iChiefs kwisigaba sokuqala sade saphela. Ingxaki iqale ngoGaston Sirino oye wafumana ikhadi kwanzima ukuba adlale kakuhle. Kwisigaba sesibini, iSundowns idlale ibhola ngendlela yayo yesiqhelo. Kodwa okubalulekile kukuba ibonisile ukuba umgangatho wayo ungaphezulu kakhulu koweChiefs edikidiki.
Emzuzwini wamashumi amathandathu, uKhuliso Mudau ufake igowuli lesine ekungcwatywe ngalo iChiefs. UMiguel ufumene ikhadi elibomvu zavele zacima izibane kwiChiefs. Bekufanele ukuba iSundowns iphumelele ngenqwaba yamagowuli – kodwa akubanga njalo ngenxa yokungakwazi ukusebenzisa amathuba kakuhle.
Makadedele abanye uMalema kwiEFF