Badloba okwamathole abalandeli beKaizer Chiefs emva kokuba iqela labo linkule AmaZulu ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eFNB Stadium ngorhatya lwanamhlanje. Impumelelo yeChiefs ilandela isikhalo esenziwe ngabalandeli abade bahlasela umqeqeshi kwiveki ephelileyo emva kokubethwa kwayo yiTS Galaxy ngegowuli elinye eMbombela Stadium. Ubukho buka-Ashly Du Preez, obengekho kwiveki ephelileyo ngenxa yomkhuhlane, kuye kwabonakala ngoba ukuhlasela kwayo iChiefs kube nomvuzo kwangoko emdlalweni. Amakhosi abhakuzelise umnatha kwangoko emdlalweni ngebhola efakwe nguPule Mmodi ofumene ibhola ebidlalwe kakuhle nguDu Preez noTebogo Potsane.
Amaqela asukelene efuna amagowuli eFNB Stadium ebinabalandeli beChiefs abaliqela nakubeni bekukho ukungonwabi kwiveki ephelileyo. Kuyiwe kwixesha lokuphumla Amazulu engakwazanga ukufumana igowuli lokulinganisa nakubeni ebedlala umdlalo omhle futhi ingawo alawula ibhola. Emva kokubuya kwixesha lokuphumla, AmaZulu ebephantsi koxinizelelo ngoba bekujongwe indlela aza kuphendula ngayo. Kwimizuzu engemininzanga kuyaphi kwisigaba sesibini, uMmodi ufake igowuli lesibini leChiefs emva kokunikelwa ibhola entle ngesithende sikaPotsane onikelwe nguDu Preez. Abadlali bakaPablo Martin bakhabele iibholal ezimbini phezulu engeziwenzile umahluko kwisigaba sesibini.
Ifolosi yaMaZulu, uBongi Ntuli, uzame wancama ingavumi tu iChiefs emva. Ekuzeni kuphela komdlalo, iChiefs ifumene igowuli lesithathu elifakwe nguEdson Castillo ngentloko emva kokudibana nebhola ebikhatywe nguDillan Solomons ekoneni. Zithe xibilili ngoku izibilini kuMolefi Ntseki emva kokube ebhalise impumelelo yakhe yokuqala kwiDStv Premiership. Amakhosi ahleli kwindawo yesishumi elinanye ngoku emva kokuqokelela amanqaku amane emidlalweni eminye. Kwelinye icala, AmaZulu akakayifumani impumelelo emidlalweni emine ayidlalileyo kwiDStv Premiership ayidlalileyo kule sizini eqhubekayo. Ukuba iqela laKwaZulu-Natal alide lifumane iziphumo ezingcono, umqeqeshi angazibhaqa esengxakini ngoba uMnu. uSandile Zungu akonqeni ukuthatha isigqibo xa izinto zingalungi.
Ngama-332 iintsuku zobumnyama ku2023