Amakhosi anyamezele izithonga zeSimba adlulela phambili kwiCAF Champions League

IKaizer Chiefs idlulele phambili nangona ibethwe ngo’3-0 yiSimba FC emdlalweni weCAF Champions League obuseBenjamin Mkapa National Stadium namhlanje. Umfanekiso: ©Elia Benndict/BackpagePix

Nangona iKaizer Chiefs ibethiwe emdlalweni wanamhlanje – kodwa idlulela phambili kwiCAF Champions League emva kokunyamezela izithonga zeSimba. Amakhosi abethwe yiSimba Sport Club ngamagowuli amathathu (3-0) emdlalweni obusemalanga namhlanje – kodwa ngelishwa leqela ebelidlalela ekhaya, amagowuli eliwafumeneyo khange onele. Kwiveki ephelileyo, Amakhosi angombe iSimba ngamagowuli amane eqandeni (4-0). Lo magowuli ayiwezile iChiefs ngoba iSimba ayikwazanga ukufaka amahlanu abefuneka ukuze idlulele phambili. Ikwazile ukuxhathisa iChiefs kwimizuzu yokuqala emdlalweni nangona ibiphantsi koxinizelelo.

Izinto ziguquke emzuzwini wamashumi amabini anesine ngethuba uJohn Bocco efaka igowuli lokuqala. Ligowuli elo elinike amandla iSimba ebifuna amagowuli amahlanu ukuze ihlale kwiChampions League. UBruce Bvuma ukhe wasebenza kakhulu phambi kokuphela kwesigaba sokuqala. Iqela laseTanzania liqinise umdlalo walo ngoba injongo yalo ibinye emdlalweni wanamhlanje: ibikukufaka amagowuli amaninzi kunaweChiefs. Abadlali beChiefs benze iimpazamo emva, ngenxa yalo nto – uJohn Bocco ufake igowuli lakhe lesibini emdlalweni. UGavin Hunt, oye kwelaseTanzania efuna igowuli elinye kuphela, uye wabona ukuba iSimba iyongamele iChiefs.

Uye wafaka uWillard Katsande no-Anthony Akumu ngoba ebefuna bancedise abadlali bakhe basemva. Kuthe xa kusondela isiphelo somdlalo, uClatous Chama ufake igowuli lesithathu emva kokufumana ibhola kuLuis Miquissone. Ayivumanga kodwa iChiefs ukuvulela igowuli lesine. Ngalo ndlela iChiefs idlulele kwisigaba esiphambi komdlalo wokugqibela kwiCAF Champions League. Yimbali leyo ngoba iChiefs iyaqala ngqa ukuhamba umgama ongaka kwiCAF Champions League. Nangona iChiefs ingaqhubanga kakuhle kwiDStv Premiership – kodwa ukudlala kakuhle kwayo kwiChampions League kungabaxolisa abalandeli kubanike nethemba lezinto ezibhetele kwisizini elandelayo.

Kaizer Chiefs: Bvuma, Cardoso, Ngezana, Mathoho, Zulu, Frosler, Blom, Manyama, Parker, Castro, Nurković.

Amalalela: Akpeyi, Mphahlele, Agay, Baccus, Kambole, Katsande, Ngcobo, Mashiane, Sasman.