Amakhosi anyathel’ iChippa United bashiyeka bethe kunubembe abalandeli!

Ashley Du Preez weKaizer Chiefs phakathi kukaRoscoe Pietersen no-Azola Ntsabo beChippa United emdlalweni weDStv Premiership obuseNelson Mandela Bay Stadium namhlanje emalanga. Umfanekiso: ©Deryck Foster/BackpagePix

Ngoku abalandeli beChippa United bathandaza umthandazo ongapheliyo emva kokuba iphulukene nomdlalo ebiwubambe kakuhle eGqeberha. Oku kwenzeka emva kokuba iqela laseMpuma Koloni libethwe yiKaizer Chiefs ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium namhlanje emalanga. Amakhosi ayibethe iChippa bashiyeka bethe khunubembe abalandeli bayo abasecicini lokulahlekelwa liqela labo ekuphela kwalo elidlala kwiDStv Premiership kwiphondo leMpuma Koloni.

Umdlalo ube mhle ukusukela emzuzwini wokuqala kwisigaba sokuqala kwade kwaphela umdlalo ngoba omabini amaqela ebesilwa. Amakhosi ayicinezele zisuka kodwa iChippa United ebivale mba emva kucaca ukuba ayifuni ukulahlekelwa kwangoko emdlalweni. UMduduzi Shabalala noChristain Saile ngabona badlali abazamileyo ukuyifaka enkathazweni iChippa United – kodwa ayikwazanga ukufumana igowuli iChiefs noxa ibhola yayo ikhe yabetha epalini.

Ukuxhathisa kude kuphele isigaba sokuqala kungekho nto ebhodini kuyinike amandla iChippa ebinyamezele izithonga. IChiefs iqhubele phambili nokudlala umdlalo ongcono futhi idala amathuba. UShabalala bekufanele ukuba uyibeke endaweni entle iChiefs emva kokufumana amathuba amahle kwisigaba sesibini – kodwa akubanga njalo, iibhola zakhe zihambe phezulu. Kuthe sekungaseni, uAshley Du Preez ubhakuzelise umnatha ngebhola entle ayikhabe engaphaya komhlaba kanozinti.

Izamile ukuphendula iChippa United – kodwa igowuli elifakwe ngebhola ebisuka ekoneni alivunywanga ngusompempe ngelithi kudlaliswe kakubi uBrandon Petersen ezipalini zakhe. Ngoku iChiefs inamashumi amane anesine amanqaku, ishiywa ngamanqaku amabini yi’Orlando Pirates ekwindawo yesibini. Ukubethwa kweChippa ziindaba ezimbi ngoba ngoku ingaya emsileni weDStv Premiership ukuba iMaritzburg United ingayibetha iSwallows FC emdlalweni oqhubekayo ngolu rhatya. Kunyanzelekile iyiphumelele yonke imidlalo eshiyekileyo ukuze isinde ezembeni.