Amakhosi aphise ngamanqaku ekugqibeleni!

Umnqeqeshi weKaizer Chiefs, uSteve Komphela, uzikrwempa intloko futhi ekwakhalela ithuba lokuphumelela umdlalo eliyekwe ngabadlali bakhe emva kokuhamba phambili ixesha elide kakhulu emdlalweni. Igowuli elifakwe nguGamal Amr kwixesha elongezelelweyo lincede iBidvest Wits kumdlalo obunzima kakhulu phakathi kwayo neKaizer Chiefs ophele ngo’1-1 ngale ntlwa eFNB Stadium. USiphiwe Tshabalala nguye ofake igowuli leChiefs kwimizuzu embalwa kwisiqingatha sesibini emva kwebhola egotywe kakuhle kakhulu nguKgotso Moleko neGeorge Maluleka emhlabeni weWits. Umdlalo ubunzima ngenxa yabadlali abadlalene kakubi kakhulu kuzo zozibini iziqingatha zomdlalo – kangangokuba iWits iphulukene noGranwald Scott emva kokudlalisa kakubi umdlali weChiefs.

Kwisiqingatha sokuqala yiBidvest Wits ebinamandla ngaphezulu kweChiefs. Kuye kwanyanzeleka unozinti weChiefs, u-Itumeleng Khune, achithe iibhola eziliqela ebezikhatywa nguGamal Amr noVincent Pule – abona badlali ababeyingxaki kwiChiefs kulo mdlalo. Nangethuba iWits inabadlali abambalwa ebaleni, abadlali beChiefs abakwazanga ukufumana igowuli lesibini lempumelelo. Abadlali beWits baphikelele kwade kwasekugqibeleni – ikufumana kwabo igowuli sekuphele nexesha akothusana ngoba ngabona badlale umdlalo ongcono kune Chiefs ebodlala ngabadlali abapheleleyo. Inqaku elinye elifunyenwe yiWits liphungula uxinizelelo kuyo emva kokungaqhubi kakuhle kwimidlalo eliqela kule sizini. Amakhosi ahleli kwindawo yesibhozo emva kokuphisa ngomdlalo namhlanje.

Kaizer Chiefs: Khune, Moleko, Gordinho, Cardoso, Zulu, Katsande, Maluleka, Meyiwa, Jayiya, Tshabalala, Paez.

Bidvest Wits: Josephs, Allie, Hlatshwayo, Khumalo, Scott, Gmal Amr, Pelembe, Pule, Hlanti, Claasen, Pienaar.